Amkile amalanga,
Bamkil’ oonyaka.
Sashiyeka sibukelana namadonga,
Owu yhini impilo sis’manga.
Ingabe siyophinde silibone na ilanga?
Ingabe siyophinde silunxib’uncumo?
Umzantsi Africa ugcwele ziinyembezi,
Ngumhlaba wombethwe ngabazali
Ingqele icangcath’ endlwini,
Kaloku ubushushu bemka nabanoxanduva.
Akusantswayizwa nto nje kumanziswa imiqala,
Ngapha ubumnyama bungena ngamandla.
Inokuba abo bombethe umhlaba basek’khanyeni,
Nam ndifuna ukuba ses’baneni.
Kubangathi ubomi bungaqalwa.
Oobhuti noosisi bethu bakwalapha endlwini,
Hayi ngamampunge lawo.
Mntakwethu uyobafumana endleleni
Qhubeka ucothoze uye phambili.
Namhla kwenzek’ is’manga,
Salibala ngoQamata, salibala ngelenkobe
MaXhosa kaloku thina simhlophe
MaXhosa kaloku thina siyombela
Xa ubeka unyawo iqonga liyangcangcazela
Masibuyeleni eMbo bantwana bomgquba,
Hleze amasuku amyoli acwengileyo singawafumana.
Ihlabathi limke nabacinezeli.
Ingabe siyophinde silibone na ilanga?
Ingabe siyophinde silunxib’uncumo?
Yhina na ukulibala ngengcambu yakho?
Yhini na sowulandela abamhlophe?
Hayi akunguwe lowo mntanontsundu
Ilixa liyahamba inkomo ibotshiwe,
Masiyeni ekukhanyeni siphume ebumnyameni
Kaloku sizinkokheli hayi abalandeli.
Masigodukeni!
Iyalumeza lempilo.
Ndidiniwe ngokomoya.