Amkile amalanga,

Bamkil’ oonyaka.

Sashiyeka sibukelana namadonga,

Owu yhini impilo sis’manga.

Ingabe siyophinde silibone na ilanga?

Ingabe siyophinde silunxib’uncumo?

Umzantsi Africa ugcwele ziinyembezi,

Ngumhlaba wombethwe ngabazali

Ingqele icangcath’ endlwini,

Kaloku ubushushu bemka nabanoxanduva.

Akusantswayizwa nto nje kumanziswa imiqala,

Ngapha ubumnyama bungena ngamandla.

Inokuba abo bombethe umhlaba basek’khanyeni,

Nam ndifuna ukuba ses’baneni.

Kubangathi ubomi bungaqalwa.

Oobhuti noosisi bethu bakwalapha endlwini,

Hayi ngamampunge lawo.

Mntakwethu uyobafumana endleleni

Qhubeka ucothoze uye phambili.

Namhla kwenzek’ is’manga,

Salibala ngoQamata, salibala ngelenkobe

MaXhosa kaloku thina simhlophe

MaXhosa kaloku thina siyombela

Xa ubeka unyawo iqonga liyangcangcazela

Masibuyeleni eMbo bantwana bomgquba,

Hleze amasuku amyoli acwengileyo singawafumana.

Ihlabathi limke nabacinezeli.

Ingabe siyophinde silibone na ilanga?

Ingabe siyophinde silunxib’uncumo?

Yhina na ukulibala ngengcambu yakho?

Yhini na sowulandela abamhlophe?

Hayi akunguwe lowo mntanontsundu

Ilixa liyahamba inkomo ibotshiwe,

Masiyeni ekukhanyeni siphume ebumnyameni

Kaloku sizinkokheli hayi abalandeli.



Masigodukeni!

Iyalumeza lempilo.

Ndidiniwe ngokomoya.

Ngu Vundle imbongi yosiba