Ibiyindlela yokuzikhulula

Kulamatyathango namaqhinaEbendibophile. Ibingumhlonyane

Kukhohlokhohlo. Ikhala kwisisu.

Isithoba-ntlungu sam

Umbuzo umile ngoku

Xa zingekho ezo ntlungu neengxwaleko uyenzela ntoni?

Andikwazi kuwuphendula lo umileyo

Kuba andikholelwa ukuba intlungu yam iphelile.

Ndiva ngokungathi isaza kuqhubekeka

Kodwa ngaphezu kwakuqala.

Ndiva ngokungathi oku kuwuva umphefumlo

Xa ndiphefumla,

yinzolo phambi kwesichotho esikhulu.

Ndiva ngokungathi sisondele

Kuba amachaphaza sendiwava

Esikhumbeni sobuso bam.

Ndingotheni kanti mna?

Ukonwaba yalundwendwe,

Intlungu yangumhlali?

Inene sisiqalekiso esi.

Ndiyazibuza uba sesinjani esi

Singancedwa yibhokhwe namadolo?

Nditsho nonekhandlela nonehempe emhlophe akayichanisisi kakuhle le indiphetheyo intlungu

Ndinethemba kodwa xa ndijonge kule ncwadi inomlomo obomvu ndiguqile,

Mhlawumbi la machaphaza ndiwavayo

Ngala weentsikelelo namathamsanqa.