Kwatsho ivila ngokwencinga
Mandonyuswe
Apho ndivimba indlala ngapiya kwecingo
Mandonyuswe
latsho liphinda ivila ngomsindo,
ingaba niyandiva naa, okwesana esiswini latshona emini ilanga emntwini.
Andingmntu ugqele ukuzenzela izinto
Kodwa zawuthin andinazo izinto
Ngoko kwakufuneka ndivule amehlo
Ukuze izinto endizenzayo zibe yimpumelelo
Ubomi abuyo nto!
Ubomi ngumzamo
Ubomi yinkolo
Kwaye ubomi abufani nayizolo
Watsho ke ethandaza Mandonyuswe!! Mandinyuswe!!
Mandonyuswe nam ndifane nabo bonke
Mandonyuswe ndibe siskhali Sabo bonke
Mandonyuswe ukuze ndibe no sapho lwam lonke
Mandonyuswe nam ukuze sizawuhlala sisonke.