Nakuyakwam!!

Nankuy’umzam!!

Okanye mandithi ekhaya

Kukwamkekhaya!!

Igama ke nguMafa

Mna uba nanitshilo

Ngendingazange ndivume ukukwamkelilifa,

Eliphi kona ngoba ndaqala phantsi konke

Okanye nitsho isiza

Abazali bam ndandizobakhela

Ndiwuvuse umzi wabo ndingakhali

Ntonje nakheth’ukunditsalel’amanzi ngomsele

Isono sam kukuba yinkulu kwisini na?

Ndakhumzi ndithi ndakhumziwam

Ndazi umntu enolawulo kowakhe umzi

Ndazi indond’iyintloko koway’umzi

Pho kutheni ndilawulwa mna kwam

Bangena bephuma bezenzela,

Ngumdudu kamapasa kodadewethu nabafowethu Batsho ngazwinye kusekhaya apha,

Andisayithethi eyoDabawo kukwabhutapha umziwam sewaphenduka indawo yokwenzel’amasiko.

Ndifel’igama uMafakayise

Akwaba ndandingalivumanga eligama

Ngoba landidontsel’amanzi ngomsele

Ndihlel’inje apha ndidlamathamb’engqondo

Ndizibuza anditholimpendulo

kuphi kwam kuph’ekhaya

Nakuya kwamkekhaya

Ndafika kunendlwenye namhlanje zintlanu andisolinto kusekhaya

Phofu kwakuthen’ukuze bandikhohlise bethi kukwam lilungelo

Nam ke ndazijul’ijacu ukwakha ndithi ndine kwam?

Ntonje andilawulo kuwo

Igunya andinalo nokuthula noxolo akusekho

Ndicela nindikhulule ndizibonele

Khumbulani noba siphumesizalweni esifanayo

Inkolo ke azifani, andingomntu wamasiko niyandazi

Umtonolawulo kwakhe ayikho into eyenzakalayo kwakhe ngaphandle kwemvume yakhe,

Mna apha kwam ndinyamezela imicimbi yenu

Ndikhululeni ndizibonele

Kakade ngendixakwey’into Indod’engenamalus’iinkomo zayo zaluswa yintengu Ubomi sebuyingxubakaxaka silwelilif’elingekho Mna ndafika kunoRonta omnye apha

Kulungile akusenani bona abazali ndandizobakhela

Pho nandikhohlisela nathi ndingaphum’inxiwa kukwam apha?

Oh Landiwisa ihashe ndilithembile

Le yeka Ndikhoyo makayibonde sele iseziko kakade

Ngelwimi lasemzini kuthwa

Sometimes holding on causes more pain than letting go.

Senosala kahle kwamkekhaya