Le nto ingumfazi ithwele uxanduva

Umzukulwana wothuswe kukubona uninakhulu wakhe egixa kabuhlungu, echophe phezu kwamatye ezantsi kwegadi.

Emane ngoku zibuza ukuba ingabe ndone phi lento ndinuka umzondo kwinzala yam.

Kwathi kwakusweleka intombi endala eyayijonge ikhaya,

Wasitsho esofelweyo umakhulu.

Ndamva ekhuza esithi “Tyhini Thixo yini ezizamela uNyameka.

Inene uSathana akalali engatyanga!

Aphela amathemba kumakhulu,

Ndingakhulisa umntwana kabuhlungu ndinethemba lokuba uza kusingcwaba , suke asikhokhele?.

Kowu! Inene umthathi uyawuzala umlotha, kuba wayeyugusha uNyameka ukulunga, nangona abantakwabo babezizinja ukukhohlakala.

Yaqatsela mpela ngoku le nkohlakalo kuba uyise wayesele ezijwile ijacu kwibhelu lomsele.

Akukho nto yayindixhela umphefumlo ngathi kuhamba ulala kodwa sinalo ikhaya.

Ndikhumbula siphuma imvula isitsho,

Phofu umakhulu uphepha izithuko kunye nentonga ka tamkhulu kunye nonyana.

Esi sehlo sadubula sahlanza mhla utamkhulu waphakamisa isandla kumakhulu phambi konyana kunye nabazukulwana bakhe.

Eyona nto ibuhlungu kuba ntlandlolo wayelulame okwegusha utamkhulu.

Lathi lakutshona ilanga lagxwabhazela ibhelu lomsele,

Entlokweni yakhe waziveza ubunjani bakhe.

Nam zange ndithini kuba ndandingenawo amadla okumlwela umakhulu.

Ndaqwala intloko ndaphuma ndamlandela.

Emva kweyure sava ngocango satsho sathi bekufanele kubenjalo.

Gogo, Gogo masibaleke uzaku senzakalisa umalume.

Ndikhumbula ngentseni sizokuvuswa kusithiwa siyabizwa ngutamkhulu.

Sathi xa sifika nanko ekhedamile ecaleni kobuhlanti emane ezosula ibunzi ngelaphu, phofu engabilanga.

Kuthe akusweleka utamkhulu kwanyanzeleka ukuba umakhulu enze amabonandenzile khona ukuze abauzukulwana nesizukulwana sakhe silalale sityile. Izinto zikhawuleze zatshintsha apha ekhaya kuba; utamkhulu ibinguye kuphela okwaziyo ukuthetha kunye nonyana bakhe, Umakhulu akaziwa nokuba sisiciko sayiphi na imbiza.

Wanyamezela umakhulu de kwafika imini apho wathatha isigqibo sokuba azikhulisele abazukulwana bakhe. Waye wanyamezela wandithela chuu endiqeqesha kwaye endibonisa ukubaluleka kwemfundo, kuba waye waqaphela ukuba ndingoyena mzukulwana onokutshintsha isimo selikhaya.

Kwathi kusenjalo ndamva esithi “ufunde Bhatyetyipu khona ukuze ndiphoncuke kule dyokhwe yobukhoboka

Zavele zehla inyembezi emehlweni wam,

Ndaziva ndisithi ” nalapha ekhaya kusezo kufudumala nto nje ndisakhangela iinkuni zokubasa”

Ubona nje le nto Ingumfazi Ithwele Uxanduva.

Inene indlovu ayisindwa ngumboko wayo.

Kunzima mpela kweli khaya! Akukho mntu uphangela isigxina, imihla nezolo siphila ngamabonanzelile. Ndinikeni usiba lwam ndishicilele ndingekafi✒️💔