Intliziyo ilihlwili

Ubomi bukrakra

Ubuthongo andisabazi,

Ewe ndimncinci ngeminyaka kodwa imithwalo iyandisinda.

Ndithandazile kuThixo ndimcela, ndimcenga ukuba akhanyise ebomini bam kodwa akwenzeki amandla ayaphela.

Kuse kubengathi noThixo xa ndithandaza iyandiflathela, ulonwabo andisalwazi.

Xa ndiqala ukonwaba kufika into ezondikhubekisa, into endenza ndizive ndisithi nokuba ndingavuka ndifile akho yam.

Kanti ndoneni?

E.Hlwayi