Kwasuke kwathini na?
AmaNgesi adla ngokuthi:
Blood is thicker than water.
Kodwa sekwakhala nyoni ni na?
Sijikelwa zintsapho zethu,
Abona bantu bangamathemba kuthi.
Isizwe sakwaNtu siphelile, siphalele,
Sesifumana uthando kubantu bangaphandle
Izihlobo nezalamane zisilahlile,
Abona bantu bekumele bama nathi bayasibhunga
Kwasuke kwathini na?
Zaphelela phi iimfundiso zokuxhasana?
Lwaaphelela phi uthando kwiintsapho?
Sesonakaliswa, siqalekiswa ngabo sibathandayo
Izitha zethu salala nazo esibelekweni esinye
Sakhuliswa, sakhulela phambi kwazo.
Akusadingi kuphuma ukuze ufumane amagqwirha
Zula-zula nje apha endlini,
Kulapho sesifumana abantu abasichasileyo.
Abona bantu bahlukunyezwa lulonwabo lwethu,
Sebahleka nathi
Abona bahlukunyezwa yinkqubela phambili yethu,
Bathi basixhasile
Kanti mz’ ontsundu, kwasuke kwathini?
Bhodlani, ningafeli ngaphakathi,
Phakamani silungiseni,
Sipetshe apho kukrazuke khona.
Haibo!
Kwakhala nyoni ni na?