Kwasuke kwathini na?

AmaNgesi adla ngokuthi:

Blood is thicker than water.

Kodwa sekwakhala nyoni ni na?

Sijikelwa zintsapho zethu,

Abona bantu bangamathemba kuthi.

Isizwe sakwaNtu siphelile, siphalele,

Sesifumana uthando kubantu bangaphandle

Izihlobo nezalamane zisilahlile,

Abona bantu bekumele bama nathi bayasibhunga

Kwasuke kwathini na?

Zaphelela phi iimfundiso zokuxhasana?

Lwaaphelela phi uthando kwiintsapho?

Sesonakaliswa, siqalekiswa ngabo sibathandayo

Izitha zethu salala nazo esibelekweni esinye

Sakhuliswa, sakhulela phambi kwazo.

Akusadingi kuphuma ukuze ufumane amagqwirha

Zula-zula nje apha endlini,

Kulapho sesifumana abantu abasichasileyo.

Abona bantu bahlukunyezwa lulonwabo lwethu,

Sebahleka nathi

Abona bahlukunyezwa yinkqubela phambili yethu,

Bathi basixhasile

Kanti mz’ ontsundu, kwasuke kwathini?

Bhodlani, ningafeli ngaphakathi,

Phakamani silungiseni,

Sipetshe apho kukrazuke khona.

Haibo!

Kwakhala nyoni ni na?