Kunzima ukungabi nabali

Kubuhlungu ukudinga uthando lwabazali

Kubhlungu ukungabi naye umntu ombiza ngo mama okanye ngo tata

Ayikho intlungu engafaniswa nentlungu

Yokulahlekelwa ngumzali

Xa abazali bengekho uthando alubikho ekhaya

Ikhaya akuyo likhaya

Ngaphandle kwabazali

Uthando alubikho

Ngaphandle kwabazali

Imfudumalo ayibikho

Ngaphandle kwabazali

Uxolo alubikho

ngaphandle kwabazali

Duduzekani nina

eningenabo abazali

Qinani nina

eningenabo abazali

Intliziyo zenu

maziphole

Kunzima ndiyazi

Kodwa yenza abazali

bakho baziqhenye ngawe

Ewe bangangabikho bona

kodwa imimoya yabo

Izohlala inawe kude

Kube ngunaphakade

Lalani ngoxolo

Nina eningasekhoyo

Phumlani ngoxolo

Nina eningasekhoyo

Nimkile kodwa asoze

nalibaleka