Kunzima ukungabi nabazali

Kubuhlungu uku

dinga uthando

lwabazali

Kubhlungu ukungabi

naye umntu ombiza

ngo mama okanye

ngo tata

Ayikho intlungu

Engafaniswa nentlungu

Yokulahlekelwa ngu

mzali

Xa abazali bengekho

Uthando alubikho ekhaya

Ikhaya akuyo likhaya

Ngaphandle kwabazali

Uthando alubikho

Ngaphandle kwabazali

Imfudumalo ayibikho

Ngaphandle kwabazali

Uxolo alubikho

ngaphandle kwabazali

Duduzekani nina

eningenabo abazali

Qinani nina

eningenabo abazali

Intliziyo zenu

maziphole

Kunzima ndiyazi

Kodwa yenza abazali

bakho baziqhenye ngawe

Ewe bangangabikho bona

kodwa imimoya yabo

Izohlala inawe kude

Kube ngunaphakade

Lalani ngoxolo

Nina eningasekhoyo

Phumlani ngoxolo

Nina eningasekhoyo

Nimkile kodwa asoze

nalibakeka