Bekuyintoni na ukuba ndithule,

Ndihlukunyezwa

Asilotyala ukuthula kwam

Akuba ndisoyika,ntonje ndifihle ulaka lwam

Ndithukiwe,ndijulelwa amajacu,

Ndawuvala umlomo wam

Nindothule isidima ndachiza ecaleni

Ukuthula kwam bekungeko,koyika kwam

Ukuthula kwam bekungebo bugwala bam

Ntonje bendibambe ucwangco

Niza kuthi ndisisilwanyana,ndiyavungama

Kodwa yazini esosilwanyana senziwe Nini

Ndizakugragrama,okwe ngwe

Ibonisa ulaka lwalo,ningaze nithi

Beningalindelanga,nizone Nina ngokwenu

Mna andikhathalelanga kuthandwa

Kuba ndizithanda mna,siqu Sam

Ngoko ke ,ungaze uthi ndilambele uthando

#bullying must end