HLANGA LUNI ?
Author : A.G. Majola
Location: Eastern Cape, (Cumakala)
Mhla baqala ukubona ilanga;
Baba ngu mtya ne thunga.
Ya qengqeleka imizuzu, imihla, iinyanga, iminyaka elowo wazicebula ; okwe Kati emhlophe ehlungiwini, nelo yaba libhunga.
Ya dandathek’ intliziyo yo wayene bhongo lokuzalel’ uzolula ngenxa yokubona kungekho nto izakulunga ;
Kanti hlanga luni na olu lunje?
Yindalo na ukuphath’ ozelwe naye okwe Oli emanzini ?
Oluthando ulunik’ owakuni ingaba isekwa lulo olunika owase mzini ?
Le nto intliziyo seyaba ngu Vimba,
isebenza nge mali na mntu ndini ;
Yhini na le nto iintshaba ziphum’ endlini ?
Oww ! Yhini na omnyama ko mnyama woba lutshaba ?
Hlanga luni na olu, lungena kuphilisana
Mhla ne zolo ; sibulalana ngomoya, ngenyama kunqab’ ukuphilisana.
Ku vam’ ukulukuhlana, umona ; njongo ndini zokonyelisana.
Mawuvan’ umz’ ontsundu ngaphandle kwaba kwa Ntsasana.