HLANGA LUNI ?

Author : A.G. Majola

Location: Eastern Cape, (Cumakala)

Mhla baqala ukubona ilanga;

Baba ngu mtya ne thunga.

Ya qengqeleka imizuzu, imihla, iinyanga, iminyaka elowo wazicebula ; okwe Kati emhlophe ehlungiwini, nelo yaba libhunga.

Ya dandathek’ intliziyo yo wayene bhongo lokuzalel’ uzolula ngenxa yokubona kungekho nto izakulunga ;

Kanti hlanga luni na olu lunje?

Yindalo na ukuphath’ ozelwe naye okwe Oli emanzini ?

Oluthando ulunik’ owakuni ingaba isekwa lulo olunika owase mzini ?

Le nto intliziyo seyaba ngu Vimba,

isebenza nge mali na mntu ndini ;

Yhini na le nto iintshaba ziphum’ endlini ?

Oww ! Yhini na omnyama ko mnyama woba lutshaba ?

Hlanga luni na olu, lungena kuphilisana

Mhla ne zolo ; sibulalana ngomoya, ngenyama kunqab’ ukuphilisana.

Ku vam’ ukulukuhlana, umona ; njongo ndini zokonyelisana.

Mawuvan’ umz’ ontsundu ngaphandle kwaba kwa Ntsasana.