Ndasuka ndavungama yimincili

Ndasuka ndangcangcazela luloyiko Kaloku lento ndizothetha ngayo ikukutya kum

Laduma!!

Nantsi into emnandi thathani

Nantsi impumelelo engenangozi

Nanga amas`angasokolisi basengi

Laduma!!

Andinamazwi kaloku ndisuke

Ndabanjwa yimincili naluncumo Kuba kaloku imnandi lento ndithetha ngayo

Laduma!!

Makuyiwe ntozakuthi!

Suka ndibek`iphepha nosiba ndithule!!