Uyakuthi akwaba sele kukwabekile.

Undibhuqe phantsi naphezulu ndibe sele ndimkile.

Intliziyo ,uthando nexesha lam kuwe sele ndilithathile.

Uyakuthi akwaba sele kukwabekile.

Intliziyo yam inamanxeba, yophukile

Nguwe mntwan’omnt’uyidubile

Nguwe mntwan’omnt’ uyophulile

Ngayo kaloku wen’udlalisile

Kodwa uyakuthi akwaba sele kukwabekile.

Konke okwam ndikunikile

Kuba kaloku bendikuthembile

Kodwa ngoku esobom’isifundo ndisifundile

Amehl’wam uwavulile

Yhini ukuwiswa lihashe lam ndilithathile

Nakwel’ityeli sthandwa sam undiphoxile 

Kodwa uyakuthi akwaba sele kukwabekile

Yhini Madlomi…yhini Sopitso

Ndoneni kuwe ntomb’akowethu khawutsho

Sofa silahlane bendikade ndisitsho

Ingaba sele kukufuphi n’ukufa khanitsho

Ingaba sele ndizakuyikhaba n’ibhekile ukutsho

Ndizakukunika udlale ngayo

Ina!,thatha yenjenjalo

Undinike ndiyingcibe xana yaphukile 

okanye xana ikudikile 

Kodwa uyakundikhumbula sele ndimkile

Mhlawubi inqawa sele ndiyibekile

Elimagad’ahlabayo sele ndilishiyile

Njengobaw’omkhulu sele ndigodukile

Nezo bhekile ezo ndizikhabile

Ushiyek’apho kewena usinekile

Usithi “akwaba” phofu ke sele kukwabekile