Anovuyo ntombi ka Gxumayo

Nditsho wena Zulu nditsho

wena Tshangisa nditsho wena Mngwevu

Nditsho wena ntombi enhle ezathi qho xa kuvela wena ndive ndibethwa luvalo

Mhla uthixo edala izulu nomhlaba wadala no Anovuyo kuba esazi ukuba u Anovuyo uzakuba luvuyo lwam

Kuba esazi ukuba u Anovuyo uzakuba ngu nobangela woncumo lwam

kuba esazi ukuba Anovuyo uzakuba yi ndlovukazi ye ntliziyo yam.

Anovuyo ndithi qho xandike ndeva ilizwi lakho kuvele kubengathi ndimamele ingelosi xa icula

Anovuyo ndithi qho xandike ndabona wena kuvele kubengathi ndibona iqolide

elibenyezela nokwe gqhitha

ilanga lase kuseni elivela ngase Mpumalanga.

Awuu naku kusehla izinyembezi ndingekawu gqibi lombongo

Noba Uthixo engaba thatha bonke endiba thandayo kodwa aze andi gcinele nje wena kuba ndizaku hlala ndikuthanda ntsuku zonke zokuphila kwam.

Ndibamba ngazo zozibini

ngo thando lwakho olunga pheliyo

Ndibamba ngazo zozibini nge nxaso yakho

Ndibamba ngazo zozibini

ngokuba ubekhona qho xandi kudinga

Ndibamba ngazo zozibini

ngokuba usabele futhi wosule izinyembezi zam qho xandi lila.

Ubangabe ubomi bam bebuyincwadi ukudibana nawe bekuzoba sesona sahluko esi khethekileyo kum.

Ndiwuvale lombongo ndisithi qhubeka ntombi ka Gxumayo usenzela abanye izinto ezintle nge ntliziyo emhlophe kwaye Uthixo uzaku qhubeka aku

busise ngoku phinda phindiweyo.

Anovuyo Gxumayo