Intliziyo Yam myeke, ewe ndiyayiqonda into yobana uysamthanda kodwa umoya wam awusavumi.

Kudala uzama, usehla usenyuka uzama ukumbonisa ukuba ubaluleke kangakanani kuwe kodwa akaSOZE ayibone kuba yena usebenzisa ubuhle bakhe, ngobuhle bakhe wonke amankazana ayazifela ngaye. Kodwa kuthwa “Ubuhle bendoda zinkomo zayo” even you reader you’d fall for him.

Libala, mxolele, myeke, uba ukuthanda ngokwenyaniso uzawubuya kodwa hlala wazi ukuba mancinci amathuba okuba abuye.

Ewe lila kakhulu ukhuphe lanto. Lila ude ubenesingqala Bhukula. Kodwa hlala wazi ukuba ayiqali ngaye kwaye ayizugqibela ngawe.

Kodwa yena ndisamthanda (elila).