(Unobomi utsalela unina umazisa ngukusweleka kukaNobuntu nomyeni wakhe u Bongani nge ngozi yemoto)

Mazima: (esothuka) Sisimanga santoni esi undixelela sona Nobomi uthi yinto eyenzeke nini leyo

Nobomi:(Esafixiza)mama ndifumane umnxeba ngo 17:30undixelela ngalo mphanga mama yinto esiza kuyithini lena kuNqaba

Mazima:Ndilinde Nobomi ndakubalapho ngomso ngenj’xukuxa ungathethi nto no Nqaba sowuwazisile amanye amalungu osapho?

Nobomi:Ewe mah ndibhale umyalezo ku Whatsapp group yosapho wonke umntu uwubonile nomalume bazakube balapha .

Kusekuseni ngemini elandelayo kufika uMazima ufikisana no malume u Jongikhaya

Mazima:Sisimanga ke lento yehlele u Nobuntu yhini usana lwam xa kuqala kulunga izinto emtshatweni wakhe wehlelwa yintlekele enje oh u Sathane akoneli

Jongikhaya: ibe libhadi ngokwenene into eyehlele u Bongani nomnkakhe u Nqaba senimazisile ngalomba?

Mazima: Uzakwaziswa ngubani na bhuti siselapha thina u Bomi iyamnzimela lento naye.

Jongikhaya: andilwi Dade masingene

(Bathi bengena Abe u Nobomi ezijula esifubeni sika nina emonga ekhala mama iwele lam liswelekile andisayi kuphinda ndimbone u Buntu akasekho )

Mazima: Ngxesi sisi kuzawlunga qina ntombi yenzela unyanakho u Nqaba xa kukhala wena uzabasathini yena qina sisi .

Nobomi: Ndinenzele itea okanye I coffee

Jongikhaya:noko ingagqibela leyo masigqibe lomba size ngawo apha biza lenkwenkwe seketyile kuqala

Nobomi:Ewe ebesetyile ithi ndimbize ( ekhwaza) Nqaba Que Nqo yiza ngapha sana lwam.

Nqaba:(ufika egumbini akabizwa kulo)Molweni Makhulu nawe Tamkhulu

Jongikhaya: molo nondoda (akhombe u Nobomi)lona ngumakazi wakho uyakuthanda futhi awuyikuswela nto kukhona yena ufana nokuba ungumntwana wakhe wokuqala

Nqaba:(ebuxakwa uba lento itshiwo ngutamkhulu wakhe ivelaphi kodwa aqhubeke amamele)ibe kukho into e rongo endiyenzileyo?

Jongikhaya:Akunandlela ilula endinakuyitsho ngayo lento mntanam uyazi ukuba siyakthanda futhi sohlala sikuthanda nayo yonke inxaso oyidingayo uzoyfumana kuthi.

Nqaba:Aya endibhidisa amazwi akho tatomkhulu ingaba ikhona into endiyenzileyo e rongo?

Jongikhaya: Hayi khululeka nyana akukho okubi okwenzileyo (azinike ithuba aphefumle asele namanzi ebese caleni kwakhe)Nyana uyayazi ukuba abazali bakho bebenohambo izolo,kwenzeke ingozi ke kuhambo lwabo ethe yasuba ubomi babo ndiyaxolisa nyana kodwa u Nobuntu no Bongani abasekho emhlabeni

Nqaba:(ndivele ndambukela utamkhulu ngexesha ethetha lento yakhe benndingamkholelwa ndikholwe ndisobona usizi nenyembezi emehlweni ka Makazi ) kazi ndixelele uba ayonyani lena u Buntu uyaphila kazi ndifuna utata uphi Bongani? (Ndikutsho oko ndikhala)

Nobomi: Uxolo Que Ubuntu akasekho ndim umamakho ngoku (utsho emsondeza e monga ade abiwe bubuthongo)

Nqaba’s POV

Ndiphaphama kwiphupho elibi isingathi kweliphupha u makazi no Makhulu no Tamkhulu bandixelela ngokusweleka kwabazali bam ndithi ndakuyicinga into enjalo ndivele ndikhumbule u Simamnkele nendlela awayengayo emva kokusweleka kwabazali bakhe kwavela kwatshintsha yonke into ebomini bakhe wayesele enganguyanga nosapho lwakhe lwalusele lutshintshe indlela elimphatha ngayo,ndithi ndisacinga leyo ndifikelwe ngumbuzo ibe nobam ubomi bebuzoba njalo xa kunosweleka abazali bam ndivuke ndiye kumakazi ndifuna si fownele u Buntu no Bongani

Nqaba: Kazi masifownele u buntu sekephumlile ngoku

Nobomi: (avele aqale phantsi akhale)Que u Buntu uswelekile akasekho sanalwam

Nqaba: ( kuvele kuse engqondweni yam ukuba ibingelo phupho ibiyinyani nditsho ndibone no Makhulu ndisitsho esofelweyo kwakhona ) hayi Ubuntu wam noo Makhulu ndifuna Ubuntu uphi u Bongani makhulu (ndisarhayiza ndingakholelwa)

Uye wandonga u Makhulu endixelela uba mandiqine sendiyindoda ngoku. Andiykholelwa kele indoda eneminyaka esibhozo kuphela bendiboyika ubomi bam ngalomzuzu bendingazazi ukuba ndizoba yintoni ngaphandle kukamama Iphelile iveki kusenziwa amalungiselelo omngcwabo bekubuye wonke amalunga osapho nditsho nomalume u Sizwe esamgqibela kudala.unendlela yakhe yokwenza izinto zibe lula ubukho bakhe benza owona mehluko nenqkubela phambili kum .wonke amalungu osapho afaka oko abanako ukuncedisana nomakazi kulomba namalungiselelo omngcwabo ahamba kakuhle sekuqeshwe nekwayala ezakucula. Yona inyani besendiyamnkele ngoku besendisazi okokuba akunanto endinoytshintsha kwenzekile nosapho beluzama ngendlela zonke ukundibonisa inxaso yabo futhi ibindonwabisa.

Imini yomgcwabo wabazali bam

Namhlanje zi 18 Kweyomdumba2021 yimini yokubeka abazali bam kwikhaya labo lokugqibela intliziyo yam iyopha eli linxeba elingenophola ngoku.umakazi undibambe isandla ndihleli naye nosapho ngaphambili ententeni ndinxityiswe I suit emnyama ne shirt emhlophe ndifakwe namazaza ngumakazi andazi uba wona angenaphi ke kodwa wonke umntu uwafakile nzobasathini ndifakwe ne wotshi katata esandleni .kuqalwa iculo yikwayala elithi lichukumise intliziyo zabanintsi

Mthande’saphila esaphila esaphila

Mbonge’esaphila esakhona esaphila

Mncome’saphila esaphila esaphila

Menze owakho umbambe ngesandla Ngoba mesehambile angeke’sabuya

Ndiyalila ndiyalila ndiyalila Intliziyo yam ichithi’gazi Undishiyeleni nah kulomhlaba

Nam ndaziva ndilahleka kulongoma ngoba yayiythetha nam nangokushiywa kwam ngabazali bam nakum inyembezi zazisele zisehla ndingakwazi nozinqanda.umfundisi uyewashumayela ke .

Mfundisi Jikwa: Bazalwane u Thixo unendlela yakhe futhi intando yakhe ayingephikiswa u Bongani no Nobuntu bamanywa ngeqhina lomtshato benza isithembiso phambikwakhe umdali esokuba bona bamoyamnye yilonto ke u Sombawo engakhange avume ukuba bohlulwe nakukufa intando yakhe ibuhlungu kodwa ayingephikiswa sekwenzekile ke Moya oyingcwele sicela wamnkele umoya wababantwana ubaxolele izono zabo nabo bebengamsulwanga kwelilizwe lezoni ngalamazwi ndithi akwehlanga lungehla anga u Thixo angawamnkela umoya wababantwana .

Nqaba:(kufika ezinye inyembezi kum kodwa kukho nokuxola kulamazwi kamfundisi okanye mandithi nditshintsha indlela endiybona ngayo lento yokusweleka kwabazali bam ndithi ndakuyicinga ndibone ukuba u Thixo ubengafuni ukushiya omnye etyiwa sisazela sokungakwazi ukusindisa omnye yilonto ebathathe bobabini)

Umphathi wenkqubo: sicela unyana wabo aze ngaphambili asichubele kancinci ngabazali bakhe

Nqaba: (usukumile unqaba nomakazi wakhe baya ngaphambili )Molweni Igama lam ndinguNqaba ndineminyaka esibhozo. ( Wathula kancinci phamb’kokuba aqhubeke ) Ndingunyana ka Bongani no Nobuntu wokuqala nowokgqiba ngemini ezinje ndiyarhalela ukuba u Thixo ebesithandile andiphe noba ngu Dade bekuzoba lula ukuqhubela phambili kodwa ukusenani asinakukhalela esingenako mandenze endikuzele apha,apha ndizonibalisela ngobomi bam nabazali bam ndikhulele kwikhaya elindmfudumalo kakhulu abam abazali ubungasozubave bexabana bebehloniphana ngendlela engumangaliso kakhulu futhi bebelubonisa ngandlela zonke uthando lwabo kum alukho nalunye usuku apho ndake ndaziva ngathi abandithandi bebendibonisa ngandlela zonke uthando lwabo. Nange mini yokusweleka kwabo bandibonisa uthando baze bandishiya kwezona zandla zifudumeleyo (ukutsho oko e jonge u Nobomi) ezika makazi ,Nilale ngoxolo mama notata andisokuze ndanilibala ndakuhleli ndinithanda futhi ndinikhumbula niphila ngonaphakade entlizweni yam ndiyabulela (ukutsho oko u Nqaba ehlala phantsi nomakazi wakhe)

Umphathi wenkqubo: Ndicela ozothethela obekhula nabo

(Baphakamile ke u Nobomi no Ngcali u bomi ubezethetha ngokukhula kwakhe bewele lakhe ukanti u Ngcali yena ubezothetha ngomkhuluwa wakhe u Bongani)

Ngcali: Mandibambe ngazo zozbini ngethuba lokunichubela ngalomfo ulele apha , u Bongani ubengeyondoda yamazwi amanintsi ngoko ke nam andizikubamde (utsho esolula iphepha esandleni sakhe aphinde alishwabanise) ukuphuma kwam ekhaya bendizxelele ukuba ndizofunda oku kweli phetshana kodwa ngoku kubuya konke endikwenze nomkhuluwa futhi kungaba ndiyafeketha xandinolindela ukuba oko kuphelele kwi phetshana(kuhlekwe kancinci ententeni) Bongani ubekhaliphe ngendlela engumangaliso kakhulu wakhalipha kwasebuntwaneni bethu ibinguye obesikhuza sizmisele utsiba ekaphungela ,ubengadibani kakubi nokubi ubeba ngumzali xasisodwa azange buphelele ekusikhuzeni ekumosheni ubuzali bakhe bebukhula bufikelele nasekubeni ngumntu oxhasa amaphupho ethu ngakokonke akanako .mawethu ndinga thetha litshone ngalomfo mandehle(uyehla e qongeni ubuyela ententeni)

(Kunyuka u Nobomi ngeculo balandele ententeni)

oh yatsh’imvana (yatsh’imvana)

Oh yatsh’imvana isebumnyameni (isebumnyameni)

yathi bathethelele(bathethelele abakwaz abakwenzayo)

(Ufika eqongeni aphakamise isandla njenge phawu loku Misa ingoma)

Nobomi: Molweni Bazalwane (ame kancinci etsala u moya engazazi noba aqale ngaphi) ndime apha ndizokunichubela ngamanqaku athe vetshe kubomi bam no Buntu ,into ebenoyonwabela Ubuntu apha yeyokuba sibubongoze ubomi bakhe singabe sikhala ubengumntu woncumo u ma B ,Ndlela le besingamameli ngayo ekukhuleni kwethu besinako ukunxiba impahla ezohlukileyo xa siphuma ekhaya ukuze sizotshintshana ndinxibe ezakhe yena ezam ukuze sizobhidisa u Mazima axakwe ukuba omphi ngomphi ,Ndiyavuya ukuma apha ndinixelele ukuba u Nobuntu uphilile uye waphila udadwethu wabubona ubomi ngaphezkoko ukwenze konke ebekunqwenela ngaphambi kokuba alandulele eli ndinganabanga kakhulu ndithi lala ngoxolo Mah B uphila ngokungunaphakade entlizweni yam ndizohleli ndikuthanda .ku Bongani nangona ndingakhange ndiphile ixesha elide naye u Sbali bese ndimazi ukuba akanguye umntu oythathayo I nonsense ubengavani nyani nobubhanxa futhi ubeyindoda ebiznikele kakhulu kusapho lwayo ndiyibonild indlela ebemjonga ngayo udadwethu u Bongani umthandile umnkakhe kwade kwayofika esiphethelweni baphilile ngamazwi abawathetha kwizifungo zabo zomtshato lala ngoxolo Tatu Ndamase nawe mamu Ndamase olwenu ugqatso nilufezile .

(Uhlale phantsi u Nobomi emva kwentetho yakhe ngabafi kwaze kwathetha namanye amalungu osapho nezihlobo emveni koko kute kwatyiwa ngabantu kwagodukwa)

Kungemini elandelayo emini u Nobomi wenza amalungiselelo ohambo lwakhe nonqaba oluya kwa Nkosana ezilalini uyapakisha akhwaze u Nqaba emsusa emdlalweni

Nobomi: Nqaba Que yizapha boy

Nqaba: (esiza egijima) kazi uyandibiza

Nobomi: Ewe baby iza ngapha kumele uhlambe siya kwa Nkosana namhlanje u gogo ufuna simvakatshele le veki yonke .

Uye wavasa u Nqaba no Nobomi uye wazilungisa baze bahamba kunye no Mazima no Jongikhaya baya kwilali yakwa Nkosana nekulapho kwakhulela khona u Nina ka Nqaba. Uthi efika nje unqaba Abe efikela kumhlobo wakhe wakudala u Vuyani .

Nqaba:Vuyani mfondini nguwe lona(utsho esondela kuye enolona ncumo ebusweni bakhe)

Vuyani: haibo molo Nqaba ubekwa yintoni apha sakugqibela nini(naye ukutsho oko emonwabele )

(Bafika baxhawlane bavuyelane u Nqaba no Vuyani bade babaliselane nangokwenzeka ezimpilweni zabo ngalo mzuzu)

Vuyani: Ndiyaxolisa mfondini ngalento eyehlele abazali bakho ndiyabuqonda ubunzima ojongane nabo kodwa khululeka ndikhona ndingumhlobo wakho ndizokuxhasa kuyo nayiphi into onothi udinge uncedo ngayo.

Nqaba:iyandonwabisa indlela othetha ngayo ndiyayonwabela into yoba nomhlobo onje ngawe (utsho emonga)

Vuyani: kunevenkile esando vulwa apha kuthengiswa ama fried masiye khona

Nqaba:Okay ithi ndicele ku Makazi ndimve uthini (atsho ekhwaza u Bomi)makazi ndicela ukuyothenga ama fried no Vuyani.

Nobomi:thatha nantsi I R10 (utsho emnika I R10)wongeze kuleyo yakho ungabuyi ngorhatya ke

Nqaba:Ndiyabulela Kazi ndizobuya kwangexesha (aqhwethe u Vuyani bahambe ,apha endleleni kumnandi bayacula bade bayofika kwa Mae fries)

Vuyani: yabona apha akho ma fried amnandi ukodlula awakwa Mae worse eza source zakhona mmm delicious (atsho njalo bahleke bobabini)

Nqaba: ingathi kukhona ne Ice cream apha masizithenge nazo (baqale ngazo ke ngelilixa belinde ama fried wabo)