Emva kokufundwa komyelelo ka Bongani u Mr Thengwa uthatha amaphepha aze abaxelele ukuba akazukunqaba uzawsoloko ebandwendwela elandelela umsebenzi wakhe. Ikukugcina nesithembiso sakhe ku Nobuntu no Bongani sokuba uyakuwenza ngokuthembeka umsebenzi wakhe.
(Kusukuma u Nobomi no Ngcali bakhupha u Mr Thengwa baze bona babuyele endlini aze u Ngcali a ulele amalungu osapho ngobukho babo kule ntlanganiso u Nqaba yena usebenzisa elithuba lokunganakwa aye kuyodlala nabazala bakhe phandle aze namanye amalungu osapho ahambe kushiyeke u Ngcali no Nobomi bethetha ngenkqubela phambili koku abajongene nabo)
Ngcali:Nobomi mkhulu lomsebenzi esishiywe nawo ngabantakowethu bendingathanda ukuba sibambisane ekukhuliseni u Nqaba ndiyazi ngokungafumani kwakho abantwana yiyo lonto ndingasokuze ndimohluthe u Nqaba kuwe ,into endiyicela kuwe yeyokuba undinike ithuba lokuba ndibekhona ebomini bakhe nam .
Nobomi: Akhongxaki Ngcali nawe ungutatomncinci ka Nqaba andinalo ilungelo lokuba ndikuvalele ngaphandle ebomini bakhe kwaye nawe ushiywe nomyolelo wokuba u Hoye u Nqaba nako konke okungokwakhe futhi ukwanalo noxanduva lokuba umkhulise ngokwasengqondweni ,futhi ke u Nqaba uzosidinga isandla somntu oyindoda nguwe kelomntu kuye ngoko ke ndithi nanini nah xa umfuna u Nqaba ukhona ngowakho.
Ngcali:Ndiyonwaba xa kanti sibona ngasolinye ndiyabulela 0mntakwethu mandibe yindlela(utsho ephakama elungiselela ukuhamba)
Nobomi: Ungahlala kancinci wethu sele kuvuthwa ukutya sendizophaka (utsho ephakama eyozamisa imbiza )
Ngcali: kulungile vele nam ndakugqibela kudala ukutya kwecephe mandilinde
(Kungena u Nqaba usuka emdlalweni ubuya ephatshe empantshampantsha uthi akumbona u Nobomi amyalele ukuba makavase phamb’kokuba atye )
Nqaba:Tamnci uselapha molweni
Ngcali:Ewe mfo ndilinde isopholo kutheni wampatshampantsha wanje
Nqaba: Besidlala ibhola tanci bendingu Lorch ndiwakora amanqaku hay kancinci hay ndibabonisile
Nobomi:(kuhlekwe le ka Nqaba) kanti unje makuhlanjwe kuthi kuvuthwa ukutya ube sowgqibile ayikho into enje haibo
Kuye kwayinto eqhelekileyo ukubakhona kuka Ngcali kwizidlo za xa kuhlwayo kolu sapho no Nqaba ubesevana kakhulu no Tamnci wakhe kaloku u Nobomi no Ngcali nabo babesele bevana kakhulu kungekho nanye into engena phakathi kwabo yiyo lonto bathatha isigqibo sokutshata besithi benzela u Nqaba.Xa sithetha inyaniso emsulwa esi sibini besele sithandana . Iminyaka elishumi idlulile no Nqaba ebesele ekhulile ekwazi nikujongana nengxaki zakhe.
(Kungokuhlwa u Nqaba nosapho lwakhe bahleli etafileni kuyatyiwa aze u Nobomi abuze ngenjongo zika Nqaba zalo nyaka uzayo)
Nobomi: Ukwibanga lakho le shumi ngoku uzimisele ukwenza ntoni kunyaka ozayo
Nqaba: Ndicinga ukuba sendikulungele ukuphuhlisa ulwazi lwam lorhwebo ngoko ke kunyaka ozayo ndiza kuncedisana no tamnci kushishino ndingayekanga ukufunda ,ukufunda kwam konyaka ozayo kuzobanomahluko kunokwalonyaka ndizofunda online ndibe ndisebenza
Nobomi: Ucinga ukuba uzokwazi ukumelana nazo zombini ezizinto nyana ,ukuqhuba ishishini elikhulu nokufunda xeshanye .
Nqaba: Nozala ndiyakuqonda ukukhathazeka kwakho kodwa khululeka ndizokwazi futhi ndizokwenza kakuhle kakhulu futhi ngokwenjenjalo ndakuba ndibetha intaka ezimbini ngelitye’linye .
Ngcali: Ndivumelana no Nyoko kulena nyana Hoya ibenye ukuze ungazibhidisi oku andikutshiswa kukungakuthembi ndiyakuthemba kodwa andifuni uzifake phantsi koxinzelelo lonto ingayingozi kuwe ndiyayqonda into yokuba sowmdala ngoku amandla unawo kodwa yicinge ngolu hlobo ngokuphuhlisa ulwazi loshishino ngezifundo zakho kungaba luncedo kakhulu kwishishini kuleminyaka izayo ukhumbule ndikunqwenelela okuhle kodwa .
Nqaba: Bendingekayicingi ngolo hlobo tamnci yona iyavakala indlela oyibona ngayo ndicela ukukhe ndiyicinge lento sigqiba kuthetha ngayo.(ukutsho oko atsho aphakame aye egumbini lakhe lokulala kodwa kubanziba ukulala xa ecinga ngalomba unako ukungabilula xa ecinga amazwi ka tatomncinci wakhe elinye icala kuye lizama ukukholelwa ukuba oku kuphuma kwinkathalo kodwa elinye likholelwa ukuba sekunzima ukuba u Tamnci wakhe angamehlela esihlalweni kodwa akhawleze ayisuse leyo)
Namhlanje yimini yokubhala iphepha lokugqibela kubafundi bebanga leshumi Matric no Nqaba ngomye wabobafundi abonwabele lemini .baphuma ephepheni u Nqaba udibana no Siyamthemba nothi amnike isimemo se party yokuhlamba iphepha ezobe inge 30 Novemba ,U Nqaba uyasamnkela isimemo engakhange acinge nzulu Kuba isithandwa sakhe u Siyamthemba sakube silapho .
Ifikile ke imini ye party u Nqaba no Vuyani baye benza amalungiselelo okuya kweli theko ngokwesithembiso Sabo ku Siyamthemba . Babenxibile bebahle bephethe nezipho abanothi bazinike umnikazi we party .bafikile ke kwi party u Nqaba nomhlobo wakhe baze bamnkelwa ngezandla ezishushu ngu Siyamthemba.
Siyamthemba:(uvula umnyango abamnkele ngoncumo)haybo anisebahle ngenani nithe kanti niyawchana lomncimbi nohlelo lwawo bendinganithembanga (atsho ahleke)ndiyakwazi Que ngokuba formal oko.
(U Nqaba no Vuyani bahleke makunye)
Nqaba:ndikulibele wena Siya ngokuba njalo (utsho amnike izipho abamphathele zona)naku okuncinci esize nako .ingaba le party isemnyango lento singade singene (anyuse intshiya)
Siyamthemba: oh ngenani ndiyabulela ngezipho kodwa besingekho isidingo yi party yethu sonke lena
Nqaba:yiyo lonto kufuneka sifake something,ndicela ungena Siya torho nzade ndithi awufuni ndingene uba wenza ngolhlobo
Bangena endlini o Nqaba basele bajaive bonwabe ,uNqaba uzipha isibindi ngotywala ze aye ku Siyamthemba nothi afike kuye azame ukumazisa ngendlela akaziva ngayo xa enaye
Nqaba: Siya ndicela uthetha nawe ndiyayazi ayloxesha lothetha ngalento Kuba sizokonwaba apha futhi lento ndizoythetha usenongaythandi kodwa ndicela ithuba nje lokuthetha ngayo
Siyamthemba: kengoku awuzuthetha huh sube ucacisa Que thetha
Nqaba: Siyamthemba uyandazi ndingumntu onjani andihambe ndithembisa nayiphi intombi uba ndiyaythanda ,uyandaz andidlali ngamantombazana (ezama ngandlela zonke ukungafiki emxholweni Kuba esoyika impendulo ka Siyamthemba)ayikho enye indlela endikwaziyo ukuybeka ngayo lento ,Siya mna ndiyakthanda futhi oko ndikuthanda ukusukela lamini uqala uziswa egumbini lethu lokufundela ndakubona ndaqonda into yokuba ukuba nomntu onje ngawe ebomini bam kungazisa ifuthe elihle kodwa ndandingenayo indlela yokutsho Kuba ndandisoyika ubunziba ebendinojongana nabo xa unokundala yiyo lonto ndakhetha ukuba ngumhlobo wakho yonke leminyaka ubuhlobo ibingeyo njongo yam kodwa ibiyiyo into ebendinoyfumana kuwe ngeloxesha ndingayazi ngoku (ukutsho oku sogqiba ajonge u Siyamthemba osecaleni kwakhe)
Siyamthemba: (aqale ngentsini encinci) besendikuncama kunini ndilinde lamazwi kuwe ,Nqaba ndiyakuthanda nam ndithanda indlela oziphatha ngayo ,yohlukile kwabanye abafana bese ndiqala uba nexhala lokuba ndakuba yitshomi yakho ubom bakho bonke(ancume) Nqaba Ndiyakuthanda nam (ukutsho oku agqibe amonge)
(Kuthi besongene njalo u Nqaba no Siyamthemba kufike u Vuyani elijaja ligazi ekhala nokukhala uvela sele ekhwaza u Nqaba)
Vuyani:Nqabaa Nqaba bambulele (ekhala) yhoo bamdubule
Nqaba no Siyamthemba (batsho makunye)ubani udutyulwe phi uphi ngoku
Vuyani: u Akhumzi bambulele Nqaba (ujonga igazi ezandleni zakhe atsho akhale) u tar X umdubule
Babaleke baphume bobathathu bejolise kwindawo yesiganeko.uNqaba ufika akhale naye ashukumise umzimba ka Akhumzi akhwaze igama lakhe
Nqaba: Akhumzii Akhumzi (ekhala ebambe umzimba ka Akhumzi nabakholelwa ukuba uswelekile asuke othuswe yinto yokuba uvula amehlo kancinci futhi uphefumlela ezantsi) usaphila masimseninesbhedlela
Wonke umntu ujonga u Nqaba ngamehlo angena themba ngokungathi ubona izinto ezingekhoyo noba kunjalo uNqaba uyayimela into yakhe ade afownele uncedo lokuqala ngokwakhe
Nqaba:(esakhala ebambe u Akhumzi uzama yonke into awayeke weva kusithwa iyanceda ukusidisa ubomi bomntu odutyuliweyo ) ndizokusindisa khululeka uncedo luyeza.
(Kufika aboncedo lokuqala uNqaba no Vuyani bafunqule u Akhumzi bamse kwisithuthi nekulapho o nesi baqala khona inzame zokusindisa u Akhumzi u Nqaba yena wayengalishiyanga icala lakhe wayehamba ngale nqwelo naye yade yayofika esibhedlele nekulapho kwasindiswa khona u bomi buka Akhumzi)
Nqaba:(uyehla uyenyuka kwi paseji zase sibhedlele kuthi gqi u Gqirha Memela )Gqirha unjani umhlobo wam
Gqirha Memela:use stable okwangoku sibulela wena ngokuzama ukunqanda ukopha ngoba tywala ubuthele enxebeni nangokuthintela aboncedo lokuqala
Nqaba:uzoba right kodwa yena gqirha?
Gqirha Memela:Kuse early ukuba singatsho inxeba lakhe linzulu kakhulu ndicebisa uba wena ugoduke uyohlamba ubuye uzombona nge ngomso .
(Kuvakale ingxolo e reception ingabazali baka Akhumzi benyanzelisa ukungena bazo bona unyana wabo .kuphuma uNqaba ethi uyagoduka asuke ave umntu emtsala kanti ngumama ka Akhumzi)
Mrs Jini: unjani unyana wam Nqaba kwenzekeni kuye
Nqaba:u Akhumzi udutyulwe mama ogqirha bathi isimo sakhe si stable into etshoyo ukuba amathuba okusinda manintsi
Mrs Jini: ubuphi xakusenzeka lento kuye kutheni ungamkhuselanga nje huh andinaye omnye umntana ngaphandle kwa Akhumzi andikwazi ulahlekelwa nguye (akhale)
Nqaba:(ekhala naye amahlo akhe sele ebomvu uxakwe nakuphendula uba uzothi ebephi ke nyani) uzophila u Akhumzi mama (atsho aphume esbhedlela angene kwi taxi agoduke )
Nobomi: Nqaba walijaja ligezi kwenzeka ntoni amahlo anje yintoni thetha nam(othukile)
Nqaba:(eqala phantsi ekhala) makazi u Akhumzi u dutyulwe use Tayler kungoku sithethayo ulwela ubomi bakhe (akhale kakhulu) I wish ibikhona into endingayenza
Nobomi:(amonge) sukhala sana lwam ayilotyala lakho uba kwenzeke kanje futhi uzamile ukumnceda kwaylento ube nje ngoku ,thula sana lwam uzophila u Akhumzi uzobulwela ubomi bakhe naye
Nqaba:Bekmela yeyona mini imnandi ezimpilweni zethu lena (akhale athi akugqiba asukume ayovasa uthe akugqiba ukuvasa uye wa fownela u Vuyani no Siyamthemba wabazisa ukuba bahambe njani esibhedlele)