Yimini enkulu namhlanje ndikutsho oko ngenxa yendlela endivuke kusenziwa izinto ngayo apha ekhayeni u dadobawo bayehla bayenyuka konwatyiwe . Kungena umama egumbini lam naye esombethe olona ncumo lukhulu undixelela ngohambo lwakhe notata abazawkuthi balithathe .
Nobuntu: Nqaba sana lwam sizakuba nohambo notata wakho ndicela uziphathe kakuhle sthandwa sam sizokushiya no Makazi nobomi izakuba zintsuku nje ezintathu
Nqaba: Beningenohamba nam na mama uyamazi umakazi unjani uzawbe engxolela uba nditya oko
Nobuntu: Besinohamba nawe sana lwam ntonje olu uhambe lolwam noyihlo kuphela kaloku azange sikwazi ukuya kwi Honeymoon yethu ngenxa yokuba ubusemncinci ukhulile ngoku singakushiya inye kuphela into endiycela kuwe Muntuza wam yeyokuba uziphathe kakuhle ngoku ndingekhoyo
Nqaba: Kulungile Ndakuziphatha kakhle mama nizakuhamba nini kengeku?
Nobuntu : I taxi ka 2 izakube inathi sisingisa kuhambo lwethu lwase Monti
Nqaba: kutheni lento mama ,kutheni nindiqubula nje
Nobuntu: Sana lwam ayonto esizikise ukucinga kuyo lena yonke into yenzeke ngesaquphe awufuni na ukuba abazali bakho bonwabe huh
Nqaba:Kulungile ke nihambe kakuhle kucacile akhonto ndinoyitsho enonitshintsha igqondo bengase ndinganani koluhambo (engayonwabeli ncam lenyewe Kuba uzawbe eqala uhlala ngaphandle kwabazali bakhe)
Nobuntu: Okay ke boy u Makazi ukulindile masihambe (enako ukuchukumiseka ngamazwi onyana wakhe u Nqaba mncinci kodwa unokukhalipha okumangazayo).
Bahambile ke u Nobuntu nomyeni wakhe besingise kuhambo lwabo lwase Monti nekulapho abebezokuzikhiphela khona.yonke into ibimnandi kulondlela yabo futhi bebekhululekile besazi ukuba unyana wabo usezandleni ezifudumeleyo kudade wabo .bekumnandi ke kulondlela u Bongani ekhalisa nomculo becula eloko esiba unkosikazi wakhe ngelihlo .kuthe kusemnandi kusenjalo kwavakala isandi esikhulu esasixela ugquzulwano lwalemoto babekuyo ne Truck emva kwesosandi kwabamnyama tshu emehlweni abo U Bongani wayonzakele entloko u Nobuntu wazama uku phonela aboncedo lokuqala elimele enjalo naye kodwa ixesha wayengasenalo naye .zathi zifika ezoncedo lokuqala babe sebetshabe kudala .
Emva ezilalini
Nqaba: Kazi akaka phone u Buntu(wayenokungahlaliseki kaloku ilanga lalisele litshonile unina wayengeka phone yayingafani naye le)
Nobomi: Yiba nomonde sana lwam u Buntu uzo phone inoba basaphumlile okanye basaqoqosha imphahla zabo e Monti lude uhambo oluya e Monti ingakumbi xa usuka e Matatiele
Nqaba:kulungile kazi inoba basaphumle nyani ndicela ukutya ke ndilambe nolamba
Nobomi:ufane ungatyebi uyazthandela ekutyeni alilidanga elithuba utyile Nqo (utsho ehleka esiya ekitshini)
Nqaba:u Buntu uthi kumele nditye ukuze ndomelele kazi indoda elibhetyebhetye ayilungi kweli(atsho ehleka naye)
Nobomi:(uthi esekitshini kukhale I phone xakejonga yi number angayaziyo kodwa anganaki ayibambe)Hello
Ilizwi: Hello mama ingaba ndithetha noNobomi Siwane
Nobomi: Ewe ndithetha nobani mna
Ilizwi :uthetha no Sajini Duba sikutsalele ngesizathu sokukwazisa ukuba u Nobuntu nesikholelwa ukuba sisihlobo sakho ulandulele eli ubekwi ngozi yemoto egquzulane ne Truck apha e Dutywa
Nobomi:(uthe engekagqibi nothetha u sajini wamngena emlonyeni )Unjani udadwethu sajini(nenyembezi besezizmemile emehlweni akhe)
Ilizwi :ndiyaxolisa mam kodwa u Nobuntu akasekho emhlabeni
Nobomi:u Bongani yena uphi umnyeni kasisi(ebuhleba )
Ilizwi:ndiyaxolisa mam kodwa naye akhange aphile
Nobomi:(uyaqala uyakhala wehla ngodonga akayazi uzoythini lento ku Nqaba)oh umntakasisi uzoba yi hasi emncinci kangaka ow kanti woneni kubani nabethu (utsho ekhala)
Nqaba’s POV
Ndingena ekitshini umakazi uyalila uphethe umnxeba wakhe esandleni kunzima nondijonga kuye ibe kwenzekani .ndibuye ndicinge oh bendicele ukutya ibe kuphele kona inoba yilonto u makazi e khala ndisondele kuye ndinyuse intloko .
Nqaba:Kazi ndihluthi ke sukhala xakungekhoyo ukutya ndihluthi
Nobomi:(aphakame andinike olona ncumo lu fake)kukhona ukutya boy masitye thatha naku ukutya kwakho itya uzoba yindoda eyomeleleyo
Nqaba:kazi u right kodwa thetha nam kwenzeka ntoni nawe ukhumbula u Buntu(abuze u Nqaba)
Nobomi:Ewe baby masitye ke sizothetha naye (athathe ukutya kwakhe u Nqaba atye aqhaphele into yokuba u Bomi akatyi )
Nqaba:Kazi kutheni ungatyi nzokxela ku Buntu uba wena udlala ngokutya awutyi
Nobomi:ndivele ndihlutha masiyolala(atsho eyolalisa u Nqaba egumbini lakhe azokwazi utsalela usapho alwazise ngale ntlekele)