U Nqaba ulonwabele nyani uhambo lwakhe lwakwaNkosana eyonanto imenze onwabe kakhulu ngu Vuyani ubemxhasa emncedisa nangokulibala ingxaki zakhe .Namhlanje yimini yokubuyela e Area C apho bahlala khona no Makazi wakhe ibingeyomini imnandi lena kuNqaba Kuba uhambo lwabo belithetha ukuba uzokohlukana no Vuyani kodwa olu hambo belunyanzelisa kaloku Igqwetha labazali baka Nqaba belibize intlanganiso yosapho lonke.
Mr Thengwa: Ndibulela ubukho benu kulentlanganiso yanamhlanje njengoba nisazi ke ukuba ibindim igqwetha lika Nobuntu no Bongani ndishiywe ne will ekungavumelekanga ukuba ndiyifunde le will kukhona ongekhoyo na apha
(Baphendule bonke kanyekanye hayi siphelele)
Mr Thengwa: Ndiyavuya xa kunjalo (atsho aqalise ukufunda Umyolelo ka Nobuntu) Xa kufundwa lomyolelo kuthetha into yokuba sendilandulele eli. Nqaba sana lwam ndiyakholelwa kuwe ndiyazi ukuba awusokuze wandidanisa qhubeka uziphathe kakuhle ke sana lwam. Nanku ke umyalezo wam ukuba ndisweleke kuqala kunomyeni wam konke endinako ndikushiya ezandleni zakhe no Nqaba umqathango wam kukuba alinde iminyaka emihlanu ngaphambi kokuba atshate .ukuba ngaba umnyeni wam usweleke kuqala ndishiya yonke into imali umzi nee moto zam ku Nqaba .I Isicelo sam sokugqjbela sesokuba u Nobomi kube nguye ondikhulisela unyana wam afumane isixa semali engage R3000 ngenyanga uNqaba yena uzoyfumana xa eneminyaka ey 18 eyakhe ingxenye yemali(athi akugqiba oko abajonge egumbini abuze ukuba kukhona ongahambisani nale ntetho banqwale intloko bonke)
Mr Thengwa: Xakunjalo mandingene kumyolelo wethu wesibini ongoka Bongani singathatha ikhefu kancinci(ukutsho oko baphakame u Nobomi aphekele wonke umntu kutyiwe kukho no Ngcali namhlanje)
(Ithe emveni kwe khefu ebebenalo umnumzana Thengwa uye wabiza wonke umntu ukuze azongena kumyolelo wesibini)
Mr Thengwa: Ndiyathemba sisaphelele ukuze ndizongena kumyolelo ka Bongani (banqwale intloko bonke ekuyinto ebonisa ukuba bakhona bonke atsho aqalise)Into yokufundwa kwalo myolelo ichaza into yokuba sele ndilandulele eli .Nobuntu sthandwa sam (lime kancinci igqwetha xa lifika kule ndawo libuze agorapho ukuba aqhube na ngomyalezo ka Nobuntu ngoku aswelekileyo bonke bavumelane bonke ngentoyokuba makudlulwe kuyo aze aqhubele phambili)Konke Esinako no Nkosikazi wam u Nobuntu ndikushiyela uNqaba.Iimoto namashishini am ndiwashiya ku Nqaba ukuba kuyenzeka ndisweleke esemncinane ndingayonwabela into yokuba u Ngcali ongumfowethu ancedisane nam ngokubambela u Nqaba kumashishini akhe ade akwazi ukuzibambela ngokwakhe xa eneminyaka ey 18 ze imali zakhe zona azifumane xa eneminyaka ey 23 umqathango ingowokuba atshate nomntu othandwa nguye.Lona ngumyolelo wam ndiyathemba ukuba nakuwamnkela lomyolelo niwuhloniphe .Nqabayam ndiyakholelwa kuwe ndiwathembile amandla akho nokukhalipha kwakho ndiyayazi konke esikushiye nako uzokuphatha ukuhoye ngengqiqo ndikuthembile Nqabayam ndiyazi igama lam awusokuze walenzela phantsi