Ndimanxeba Nxeba!!Ntonje awam amanxeba asemphefumlweni,Andichaphazela nasengqondweni,Enyanisweni emoyeni ndafa kudala.

Ndiliqokobhe lomzimba ungcwele zizivubeko,Kwaye andomelelanga njengoba nindibona.Kaloku mna ndibhida umtyholi ngoncumo,Kodwa inyaniso yiziwa ngumqamelo wam,umosoli weenyembezi zam.

Andisawazi umahluko phakathi kokulunga nobulungisa,kuba kaloku ubulungisa batshabalala kudala ngaphakathi kum.Ndimanxeba Nxeba.