Ndicela iimpendulo Bawo.

Ingaba ubomi bunje nakuwe?
Indlela endiyihambayo iyahlaba. Ndibangatyhila imigudu enokukhanya kodwa ndibuya ndilambatha. Ndizamile ndoyisakele. Mhlawumbi yindawo endizinze kuyo, abantu abandingqungileyo, ixesha endililindileyo okanye indlela endiziphatha ngayo.

Ewe ndiyabona ukuba bubo ubomi obu, ngenene.
Ndithi ndakucinga ngobam obubomi, antlintlitheke amehlo; zibemanzi izidlele ziinyembezi. Ndizibuza imibuzo engaphendulekiyo. Ndizimatanisa nendingengabo, kanti nabo banawabo amahla ndenyuka namagingxigingxi kwezobomi. Ndiguqa ngedolo, ndicel’intethelo kuSmakade kude kubemanzi isikipa ziinyembezi zentlombe. Oh yhini! Bawo, thethelela, khulula apho kubotshwe khona.
Ndiyintlekisa eluntwini ngenxa yokutsala nzima kwam ebomini. Kazi bona banantoni na kodwa andahluleli namnye. Ndibangazidandalazisela isolotya sobomi bam nanjongo ikukunqakula isisombululo sobubugwenxa, nkqi isisombululo.

Yonke into inexesha layo.
Linda , nyamezela. Ndinyamezele kuba ndiyazi ukuba nam ngeny’imini ndiyoze ndiwelwe ngumqa esandleni, abe umhlangala ubhelele tshitshilili kude pha enkundleni yenyhwagi.

Umntu ngumntu ngabantu.
Intaka yakha ngoboya benye, nawe ke ndivumele ndingqiyame kuwe mhlob’am, mzali wam, mmelwane wam khon’ukuze sizophumelela. Sugxeka okanye uhleke ubomi bomnye kuba awazi ukuba wena ubomi bukuphathele ntoni kamva.

Hlonipha ubomi ukuze nabo bukuhloniphe.