Kusesibhedlele kwiintsuku ezimbini ezilandelayo.
SIPHO: (uyakhohlela)
NOLWAZI: Owu sana lwam. Nanga amanzi sela.
(utsho emnika amanzi)
ANDILE: Nyana.
SIPHO: Uphi ubhuti?
ANDILE: Libala ngaye okwangoku nyana. Sifuna wena ululame.
NOLWAZI: Siyaxolisa mnt’anam.
SIPHO: Ndiyaniva mama. Umntu ekufanele aze kuxolisa ngubhuti. Uphi uBonga?
ABAZALI: (bajongana)
SIPHO: Mama.
(cwaka)
SIPHO: Tata.
NOLWAZI: (walila)
ANDILE: Ee… nyana. UBonga. UBonga uswelekile.
SIPHO: Akaswelekanga. Animbonanga endibulala phambi kwenu?
ANDILE: Besikhona nyana. Kodwa ke ngoku usweleke okwenene.
SIPHO: Uthetha ukuthini Tata?
NOLWAZI: Mh-mh-mh. Lonakele eli lizwe Sipho.
SIPHO: Ndicela iinkcukacha mama notata.
NOLWAZI: Awukakulungeli ukuva ezi ndaba Sipho, umzimba wakho usebuthathaka. Ugqirha uthe akufuneki ubephantsi koxinzelelelo.
SIPHO: Mama, ndiyadinga ukwazi. La mntu akakazi nokuzondibona kusukela ndivukile izolo. Kuthulekile nje. Nosisi Zoleka akakalubeki unyawo lwakhe apha. Khange nitsho ukuba nibone konke ukuba andinatyala?
NOLWAZI: Kunjalo mnt’anam.
ANDILE: Amapolisa afike kuthi apha esibhedlele ngala mini ubungena. Sifumanise iindaba ezingelula ngobhuti wakho. Kuthiwa uBonga ngomnye wezikrelemnqa ezihleli zifunwa phantsi naphezulu kweli Goli.
SIPHO: Heee… yiloo nto engazange wafuna ukundichazela ukuba wenza ntoni na emsebenzini wakhe… ke ngoku amapolisa amvalele?
ANDILE: Njengoko nditshilo nyana, uBonga uswelekile. Uphume apha ngalaa mini waleqa kwezi zikrelemnqa zikwenze wavalelwa entolongweni. Kuthe kungekudala amapolisa afika efuna uZoleka. Inkcazelo abayinikayo kukuba ngeli lixa ebelapha entolongweni uZoleka bamfake ezi camera zesilungu babona konke akwenzayo. Oko kuqulatha uZoleka ebeka isiqhushumbisi kwindlu yezi zikrelemnqa bezizama ukubulala ubhuti wakho. Kuthe ngelishwa, ubhuti wakho waya kulaa ndawo ngokungazi. Sithetha nje la ndawo iqhushumbe yavutha yaphela nabo bonke abantu ebebelapho. UZoleka uvalelwe ngetyala lokubulala kunye nobukrelemnqa obenziwe nguye noBonga neqela labo. Kufumaniseka ukuba bangabantu ekudala befunwa ngamapolisa.
SIPHO: Hayi bo! Andiyikholelwa ke le ntsomi nindibalisela yona.
NOLWAZI: Ayikaginyeki tu mnt’anam. Kodwa wena gxila kule yokululama, enye nenye uza kuyihoya mva.
SIPHO: Yoh. Andizazi nokuba mandizive njani. Kuninzi.
NOLWAZI: Inene mnt’anam, ingcibi yamanzi ifa kwangamanzi. Ubukrelemnqa lingcwaba.
ANDILE: (wasitsho esofelweyo)
NOLWAZI: (emanga) Uxolo myeni wam. Ndiyaxolisa nangale nkohlakalo ndiyenze kule veki, bendiva ubuhlungu. Ndicela undixolele, uxolele noBonga ukuze simnikeni inkonzo yakhe yokugqibela enesidima.
UCINGA NTONI NGELI BALI? UFUNDE NTONI KULO?