Emva kweyure. UZoleka uhamba noThabo. Bafika kwindlu engahlali bantu.

THABO: Hayi bayakhetha ooBonga! Ulirhuzu moss wena?
ZOLEKA: Uze ulibale kukudlala! Kufuneka sihambile apha kule mizuzu mihlanu ilandelayo.
THABO: Ok ke boss lady. Masiqale…
ZOLEKA: Uthi intlanganiso yabo bayingenela kweliphi icala?
THABO: Uyabona kulaa kona? Bajikela kweliya cala. Kukho itafile ephaya.
ZOLEKA: Masiye khona ke!
THABO: Sho. Yonke into ilungile?
ZOLEKA: Ewe. Uqinisekile ngamaxesha okufika kwabo? Andifuni msebenzi ungaphelelanga Thabo, uyandiva?
THABO: Ndiqinisekile. Sasisebenza nabo kaloku aba bantu.
ZOLEKA: Ukuthanda kwenu imali nani! Silapha nje kungenxa yokunyoluka kwenu.
THABO: Hayi suka! Lo mjita ebesibhatala ii-peanuts. Ezi nzipho uzifakileyo bezizovela phi?
ZOLEKA: Thula, sisebenze!
THABO: Inyaniso iyakrakra.
ZOLEKA: Shhh!
Emva kwemizuzu elishumi kuvakele amazwi.
LIZO: Ndanditshilo ndathi ndithembe mkhuluwa!
MZUKISI: Hayi ndikholiwe namhlanje! Ndifuna abantu ababetha i-clean job njengawe ke mna!
LIZO: Nivile madoda.
ABANYE: (badumzela behleka)
MZUKISI: Beka ezi bhotile phaya kula tafile yethu. Siyaziwisa namhlanje! Lizo, usiphethe esiya speaker sakho?
LIZO: Kususela nini wena umamela umculo bhuti?
MZUKISI: Mfondini lukhulu olu suku. Ndikhapha uBonga ukuba angene kakuhle esihogweni. Ha Ha Ha! Yes! Usathana usukile endleleni yam!
BONGA: (eqhwaba) Ungavuya!
LIZO: (wawa kukothuka)
BONGA: Nathula ngathi nibona isiporho? Ha-ha-ha! Kanene nindibulele, nibona isiporho sokwenene! Ndibuyile esihogweni!
MZUKISI: Lizo! Lizo!
LIZO: m… uh… mm
BONGA: Am’emqaleni! Kunjani xa kunje?
(kukhala ucingo lukaBonga)
BONGA: Benithi nizama ntoni na makwedini?
MZUKISI: Ungandibizi ngekwedini?
BONGA: Uxolo, mandiqalele ndibuze. Benithi nizama ntoni makhwenkwe?
MZUKISI: (ukhupha umpu)
UMPU: (awabi nantlavu yakudubula)
BONGA: Tyhini, akusasebenzi nemipu yenu na? Hayi niwile! Anisajongi nemipu le niyathatha nje nenze? Owu, kanene iintlavu zenu zonke zikum. Umpu awushiywa emotweni makwedini!
(Ucingo lukaBonga lukhala oko de aphendule)
BONGA: Ngubani lo ufuna ukundityela ixesha?
ZOLEKA: Bonga, uphi?
BONGA: Zoleka, yifowuni kabani le?
ZOLEKA: Uphi?BONGA: Tyhini Ntombi, udinga ntoni? Ndisazolungisa le ntsambatheka yenziwe ngooMzukisi.
ZOLEKA: PHUMA APHO! NGOKU! KULO MZUZU ULANDELAYO UBE UPHUMILE APHO!
BONGA: Kaloku kufanele ndiqale ndilungise…
ZOLEKA: AMAPOLISA ASENDLELENI!!
UCINGO: Ti-ti-tiiii.
BONGA: Zol…..
Uthe esathetha kwavakala isithongakazi siqhushumba!!

IMIBUZO: Xa ucinga, UZoleka noThabo bazokwenza ntoni apha? Yintoni le iqhushumbayo?