UZoleka uthetha efowunini.

ZOLEKA: Thabo, unjani?
THABO: Ndiyaphila unjani sister?
ZOLEKA: Ndiyaphila. Kuqhubeka ntoni?
THABO: Ngaba ndibuza wena sisi. Uphi uBonga? Asikeva nto ngaye, elo xesha kufuneka sigqibezele ukuhambisa laa product sayibhathula kwezi ntwana zikaMzukisi.
ZOLEKA: Andimazi ukuba uphi uBonga.
THABO: Njani mfondini? Kwenzeka ntoni? Ubaleke nalaa mali yethu yokuqala? Hayi ayifani naye ke le. NoSakhiwo unyamalele ke ngoku!
ZOLEKA: Nam ndi-confused njengawe mfondini. Ngaphezu koko abazali balapha. USipho ngapha uvalelwe entolongweni, akade athethe ukuba kwenzeke ntoni.
THABO: Uthini na kum? Wena uphi kusenzeka yonke le nto?
ZOLEKA: Ndibuya ekhaya, ndifikele kuso esi siphithiphithi.
THABO: Sukuthetha umhlola! Sizoqala ngaphi ukukhangela?
ZOLEKA: Yho hayi, anda….. yima, ungakwazi ukufika phaya endlini? Ndiza kuleqisa khona ngoku ndiza kubalanda emalanga abazali.
THABO: Sho. Ndiza kufika phaya kule mizuzu ilishumi izayo.
**************************************
UZoleka noThabo basemzini kaBonga.
ZOLEKA: Kukho ezi cameras ndazifaka kule ndlu.
THABO: Hayibo detective, awumthembi na uTa Bongz?
ZOLEKA: Hayi man! Bendinekatane kaloku ngoku bendigada yena ngezi cameras.
THABO: I-coconut ka Bonga ke! Khawudlale le video sibone.
ZOLEKA: Ndinike imizuzwana kaloku ndixhome ezi ntambo.
(Kudlala ivideo)
LIZO: Bamba ntwana nantsi i-coke?
ZOLEKA: ULizo ebefuna ntoni emzini wam? Sasimxelele uSipho ukuba iyingozi e iGoli, yena uzisa iinkintsela zezikrelemnqa kulo mzi?
THABO: Hlisa umoya sisi sibone i-video yonke. Kuyacaca uba kunonyawo lwemfene apha.
SIPHO: (kwi video) Enkosi bhuti.
(Emva kwemizuzwana wayoba walala uSipho)
LIZO: Nantso! Ngethemba lokuba uza kuphakamiseka ke mfokabawo xa ndikusa kwigumbi lakho lokulala.
LIZO: (enyuka) Yho, unzima lo nolali! Caba mhlawumbi bamtyisa ntoni na pha emaqaqasini?
LIZO: (egumbini likaSipho) Lala kule bhedi yakho, uza kuvuka xa ezi switisi ndikunike zona ziyeka ukusebenza. Ngethemba lokuba ezi headsets ziza kukwenza ungeva nto. Mna ngoku ndiya kula-bedroom kabhuti wakho webhongo. Lo mpu uza kulala utyebile ke namhlanje.
(ULizo uya kwigumbi likaBonga azimele nge wardrobe. Emva kwemizuzu elinganiselwa kwengamashumi amabini)
BONGA: SIPHO! Ndiyathemba ukuba ukulungele ukuhamba ngoku! Ndiza kuleqa nje phaya ekamereni yam nditshintshe iimpahla sibe sesiyahamba!
(Unyukela kwigumbi lakhe. ULizo ulungela ukudubula.)
BONGA: (ezithethela) Ngethemba lokuba ayilalanga le nt…
UMPU: BHAAAM!!!!
ZOLEKA: YHO BAWO! UMYENI WAM!
LIZO: (kwividiyo) Bamba apho ke mngcatshindini!! Akuyi kuphinde kuviwe ngawe.
(Emva koko waleqa kwigumbi likaSipho, wosula ii-fingerprints kulo mpu wabe ewubeka ezandleni zikaSipho. Wasusa ii-headsets ezindlebeni zikaSipho emva koko wamshukumisa ukuba avuke. ULizo uyabaleka engakafiki amapolisa.)
ZOLEKA: Lo sathana! Ubulele umyeni wam!
ZOLEKA: (wasothula isikhalo)
THABO: (echiphiza) Baqale abangazi kuyimela! Akekho umntu ocisha uTa Bongz emva koko kuthuleke.
(Bathuthuzelana okomzuzwana)
ZOLEKA: (esula iinyembezi) Bayisusile…
************************************
Babuyela entolongweni. UZoleka uleqa kweli gumbi linoSipho.
ZOLEKA: Sipho, ndiyakuthembisa ukuba uza kuphuma apha.
NOLWAZI: Hayi bo Ntombi wabuya nezithembiso ezinzulu kangaka, ubunyamalele waya phi kule mizuzu ingama-30 igqithileyo apho besimcenga lo ukuba athethe? Khona umkhupha njani ungayazi nokuba kwenzeke ntoni?
ZOLEKA: Sendinolwazi lokuba kwenzeke ntoni.
NOLWAZI: Thetha kaloku sisi.
ZOLEKA: Okokuqala kuneendaba ezimbi.
ZOLEKA: (elila) UBonga…
ANDILE: Wenze ntoni? Kutheni ningade nicacise nje ngale ndaba?
THABO: Uswelekile!
ANDILE: Uthini?
NOLWAZI: Thixo wam!
SIPHO: Yhu!
NOLWAZI: Hayi bo! Yimani…. uSipho yena ungena njani kule nto? Ufuna ukuthi usana lwam ngumbulali?
ANDILE: Thethani nina. Uphi UBonga?
NOLWAZI: Andikhulisanga mbulali mna, Sipho!
SIPHO: Mama…
NOLWAZI: Ungakhe ulinge! Lonke eli xesha ndikusizela ungafuni kuthetha kanti uyayazi ukuba ubulele umfowenu? Igazi lakho? Uzenza uCain ubulala owakowenu? Uyasazi esi siqalekiso uzibizele sona?
ZOLEKA: Akambulalanga!
BONGA: (engena) Ewe kuba akakwazi kudubula kwaye bendinxibe i-bulletproof!
WONKE UMNTU: (Bothukile)
ZOLEKA: U… usaphila?
BONGA: Ubundifuna ndifile? Ubufuna ukutya iimali zam? Nguwe lo uthume le ntwana ukuba indikhombe ngompu? Wenze umsebenzi oyekeyeke gqitha! Okanye wena Sipho yindlela ondibulela ngayo le? Ndisezintlungwini ngoku ngenxa yesenzo sakho. Uyavuya ke ngoku? Okanye benivule iinsurance ngam?
ZOLEKA: Stha….
BONGA: SHUT UP!
BONGA: (esondela kuSipho) Wena. Ndange.
NOLWAZI: Secur…
SIPHO: Bhut’Bo…
BONGA: Ndithe ndange!
SIPHO: O…k…kay.
Akumanga uBonga umhlabe ngenaliti eneyeza elibulalayo.
ZOLEKA: Wenza ntoniB? Jonga!
(Utsho embonisa ividiyo yesiganeko)
BONGA: Damn it! Nogada! I-ambulance!! NGOKU!!!
BONGA: (kuSipho) Mninawa, ndiyaxolisa…
NOLWAZI: (wasitsho esofelweyo)
ZOLEKA: (uphuma ebaleka noThabo)
ANDILE: Lisikizi lantoni na eli Bawo?
(Emva koko amapolisa angena egxalathelana nabasebenzi bezempilo)
IPOLISA 1: Kuqhubeka ntoni apha?

IMIBUZO: UZoleka umbona engumntu onjani? Uziva njani ngesenzo sikaBonga?