KungoMvulo. Abazali bakaSipho bafika eGoli emva kokufumana ileta.
NOLWAZI: Usawukhumbula wona umzi kaBonga ukuba ukweliphi icala?
ANDILE: Ewe ndiyawukhumbula.
NOLWAZI: Yho! IGoli imenze ntoni umntwana wam? Yintoni engasuka imngenise entolongweni?
ANDILE: Nam andazi njengawe.
NOLWAZI: Okanye ngulo nyana wakho unguBonga lo ufike wangamkhathaleli umntwana wam apha! Wayehleli engamfuni kwasebuncinaneni bakhe kaloku! Jonga ngoku, unikele ngaye kwezi zihange zaseGoli.
ANDILE: Musa ukuthetha kanjalo nkosikazi, asiyazi ukuba kwenzeke ntoni.
NOLWAZI: Wena ke uyazi kakuhle! Wakhuliswa nguwe lo Bongandini! Yhu, ebesiyaphi uSipho wam kweli Goli? Ukuba wayevele wazihlalela ekhaya!
ANDILE: (cwaka)
NOLWAZI: Wathula ngoku! Yhu, lilishwa eli ndikulo!!
ANDILE: Nangu umzi kaBonga, sifikile.
(behla emotweni, basondele emnyango)
NOZIPHO: Hey, akungenwa apho bethuna! Yi-crime scene leyo!
NOLWAZI: Uyabona loBonga usenza intlekisa? Uyacaca nje ukuba akazalwa ndim!
ANDILE: Nolwazi!
NOLWAZI: Inyaniso iyakrakra. Ndiyamfuna ke mna umntwana wam.
(Kufika enye imoto)
ZOLEKA: Kwenzeka ntoni apha?
ZOLEKA: Mama? Tata?
NOLWAZI: Uphi lo myeni wakho?
ZOLEKA: Andimazi mama, ndisuka ekhaya mna. Kwenzeke ntoni apha? Kutheni umzi wam wenziwe i-crime scene nje?
ANDILE: Hey, asazi nathi makoti. Thina siziswe yile leta apha.
NOLWAZI: (elila) USipho uvalelwe entolongweni, Zoleka.
ZOLEKA: USipho? Kuba kutheni? Uphi uBonga?
ANDILE: Nathi asinampendulo.
ZOLEKA: Uchazile ukuba yeyiphi le ntolongo akuyo?
ANDILE: Ewe sisi.
ZOLEKA: Masileqeni khona. Owu yhini uSipho, ngaba wenze ntoni?
ZOLEKA: Tata, ndicela ufowunele uBonga.
NOLWAZI: Kudala simzama mnt’anam, akafumaneki. Ingenzeka ukuba bavalelwe bobabini?
ANDILE: Masilindeni sifike entolongweni.
************************************
Bayafika entolongweni. Bangeniswe kwigumbi, babizelwe uSipho.
SIPHO: (uyangena)
NOLWAZI: Owu, mntan’am. Jonga bakwenze ntoni kule ntolongo! Ubuso bubokoboko bunje? Yiza ndikwange sana lwam.
SIPHO: (usondela elila)
NOGADA: No touching!
NOLWAZI: Yho hayi thula Nogada!! Waziphatha ngokungathi awuzalanga!
ANDILE: Hayi Lwazi… Uxolo Nogada, uNkosikazi wam uva ubuhlungu akayazi nale nto ayithethayo.
NOGADA: Hayi sendaqhela mfowethu. Lo umsebenzi uyakuqeqesha nje.
ZOLEKA: Sipho, unjani?
SIPHO: Ndiyacenga sisi.
NOLWAZI: Owu boy-boy. Kwenzeke ntoni?
SIPHO: (elila) Ubhuti…
ANDILE: Wenze ntoni uBonga Thixo wam?
SIPHO: Ubhuti….
ZOLEKA: (ngexhala) Ndicela uthethe Sipho torho.
SIPHO: Bahambe nomzimba wakhe.
ZOLEKA: ANDIKUVA SIPHO? Umzimba? Oobani? Bemsa phi?
SIPHO: Andiyazi.
ANDILE: Sipho, kutheni usentolongweni nje? Usisikrelemnqa ngoku?
NOLWAZI: Hayi Andile sukuthetha ngolu hlobp ngomntwana wam!
ANDILE: Ndithini xa enga ukuba kwenzeke ntoni?
NOLWAZI: Masimnikeni ixesha athethe.
NOLWAZI: Sipho, mnt’anam, kwehle ntoni?
(Lwakhala ucingo lukaZoleka. Uphumela phandle ukuya kuliphendula)
IMIBUZO: Uziva njani ngeentetho zikaNolwazi nokuthula kukaAndile? Ucinga ukuba uSipho ubanjelwe ntoni?