Zigqithile iintsuku. KungoMvulo weveki yesibini uSipho eseGoli. Kusemzini kaBonga.
ZOLEKA: ANDILE! SIPHO!
SIPHO: (engena egumbini lokutyela) Owu sisi! Ekuseni kangaka uvuka usemandleni?
ZOLEKA: (ehleka) YiGoli le Sipho. Olalayo ufela emondlalweni!
BONGA: Good morning, beautiful family!
SIPHO: Wena wonke uvuke uncume olu hlobo? Hayi inene inkulu le mini!
BONGA: Ndingathini mninawa? Imali ingenile mfokabawo!
ZOLEKA: Ningayigqibi ke lo mali! Nindilinde ndibuye.
SIPHO: Hayibo, uya phi sisi?
ZOLEKA: Ndisandwendwela ekhaya kodwa ndiza kubuya wethu emva kweentsuku ezimbini.
SIPHO: Yho, ubuye sisi. Ndingabuyeli ekhaya ungabuyanga.
ZOLEKA: Kanene uphindela nini ekhaya?
SIPHO: NgeCawa sisi.
ZOLEKA: Kulungile ke ndoda, hayi ndiza kuqinesekisa uba awubuyeli ekhaya ndingekho.
BONGA: Tyhini, kutheni ngathi ufuna ukundithathela uNkosikazi nje kwedini?
SIPHO: (ehleka) I-drama bhuti!
ZOLEKA: Uyamazi kaloku!
BONGA: Hayi mandiye emsebenzini niyandidika!
(bonke bayahleka, baya ngasemnyango)
ZOLEKA: Sipho ndicela undithathele ibhegi yam phaya ekamereni sikhaphane nobhuti wakho.
SIPHO: Kulungile sisi.
(uSipho uze nesikhwama, baya emotweni)
ZOLEKA: Usale kakuhle mninawa. Siza kubonana xa ndibuya.
SIPHO: Uhambe kakuhle sisi. Undibulisele kooSikhumbuzo.
BONGA: Ntwana, uhlale utshixile ke iminyango. Ungavumeli nabani na ukuba angene apha!
SIPHO: Khululeka bhuti. Umzi wakho usezandleni ezikhuselekileyo kum.
BONGA: Be careful kwedini!
SIPHO: Sizobonana emalanga xa uze kundithatha ukuba siye kuthenga iimpahla zokubuyela ekhaya.
BONGA: Yaphela imali yam nguwe! Siza kubonana ngo-4PM!
(USipho ubuyela endlini)
******************************
Yintsimbi yokuqala Emini. USipho uhleli yedwa.
LIZO: (uyankqonkqoza)
SIPHO: (echwechwa ekroba lo unkqonkqozayo)
LIZO: Sipho!
SIPHO: (evula) Oh, nguwe kanti lo!
LIZO: Ewe, kukho omlindileyo na ntoyakuthi?
SIPHO: Hayi mfowethu, ntonje ubhuti ufuna ndibe careful apha eGoli. Uthi zininzi izikrelemnqa apha. Ndibulela ukuba ungesosikrelemnqa ke wena.
LIZO: Uqinisekile?
SIPHO: (othukile)… ehh… uh…
LIZO: Ndiyadlala marn!
SIPHO: Sukudlala kakubi ndoda! Masingene ngaphakathi.
LIZO: Unemali ke ubhuti wakho, yho! Usebenza phi?
SIPHO: Apha eGoli.
LIZO: Eyi mfondini, ndiyayazi leyo! Ndithetha ukuthi wenza ntoni?
SIPHO: Andimazi yazi. Leyo akakhe ayithi vu.
LIZO: Mmhh…
LIZO: Nantsi ke le game bendisithi masiyidlale!
SIPHO: Usisikhokho wena! Unale game ebiza kangaka!! Icacile zifumile iipokotho zabazali bakho moss!
LIZO: Ngelishwa bayikhaba ibhekile. Baba kwingozi yemoto ndineminyaka elishumi.
SIPHO: Uxolo ntwana yam. Ibuhlungu ke loo ndaba. Ukhuliswe ngubani ke ngoku?
LIZO: Ngumalume wam lo uhlala apha eGoli. Anyways, masigqithe kwizinto ezibuhlungu. Mawuqale lo mdlalo!
SIPHO: Xa usitsho ke mfowethu.
(emva kwethuba bedlala)
LIZO: Iphi i-bathroom apha kulo mzi?
SIPHO: Ikhona elapha ezantsi xa usehla nge-passage. Enye ise-upstairs, kumnyango wesithathu kwesokunene.
LIZO: Makhe ndiye phezulu. Kaloku abanye bethu abaziqhelanga ezi zinto zee-upstairs.
SIPHO: Sho ntwana.
(sekulithuba ehambile uLizo)
SIPHO: Hayi bo mfondini wachama into engapheliyo? Woyika ukuba ndiphinde ndikubethe kule game?
LIZO: (esehla) Bendilahlekile.
SIPHO: Njani ikufuphi kangaka indlu yangasese?
LIZO: Enye into ndinesisu esikhuphayo… Aninayo i-Coke kulo mzi?
SIPHO: Ikhona epha kwi fridge, ndiza kukuzisela.
LIZO: Hayi khululeka wena ndiza kuzithathela.
SIPHO: Ufuna ukuphinda ulahleke?
LIZO: Ee mf’ethu sukundenza njalo. Nali ikhitshi ndiyalibona kula kona!
SIPHO: (ehleka) Andisakuqondi kaloku.
LIZO: (uyahleka aye ekhitshini)
(uLizo ubuya ephethe iigilasi ezimbini ze-Coke)
LIZO: Bamba ke ntwana nantsi i-coke.
SIPHO: Enkosi bhuti.
(Bayaqhubeka bayadlala)
*************************************
Kungentsimbi yesine emalanga. UBonga ubuya emsebenzini.
BONGA: Sipho! Ndiyathemba ukuba ukulungele ukuhamba ngoku! Ndiza kuleqa nje phaya ekamereni yam nditshintshe iimpahla sibe sesihamba!
(Unyukela kwigumbi lakhe)
BONGA: (ezithethela) Ngethemba lokuba ayilelanga le nt…
UMPU: BHAAAM!!!!
(Emva kwemizuzwana avakele amapolisa egxalathelana kwaBonga.)
IPOLISA 1: Jongani apha ezantsi. Mna noNtunja siza kunyukela phaya phezulu.
IPOLISA 2: Kulungile.
IPOLISA 1: (phezulu) Nangu
umzimba apha phezulu! Cela abo bantu be-ambulance apho ezantsi baze kuwuthatha.
NTUNJA: Tyhini, jonga nakula mnyango! Ayingomntu lo uphaya?
IPOLISA 1: Leqa angabaleki!
NTUNJA: Ndoda, you are under arrest for the shooting of this man. Unelungelo lokuthula kuba konke oya kukuthetha ngalo mzuzu kunokusetyenziswa enkundleni yamatyala.
UMRHANELWA: Ndenze ntoni?
IMIBUZO: Ungumntu ovuka sele ethe qabavu kwangentseni? Ukhona umhlobo owadibana naye navana ngesaquphe? Ngubani lo ubanjwa ngamapolisa?