KungoMvulo. Kwi parking lot, uMzukisi ubonana noBonga.
BONGA: (ucula ngomlozi, uphuma evenkileni)
MZUKISI: (Ungena kwimoto yakhe)
BONGA: Yho, hayi inene ndiyalingwa! Ungumsila wam ngoku?
MZUKISI: Uyaphambana kwedini! Ucinga uba ndingumhlobo wakho kakade?
BONGA: Indlela le undilandela ngayo iyasolisa mfokabawo.
MZUKISI: Emaphupheni akho! Ndingenza ntoni ngebhari efana nawe?
BONGA: (ezihlekisa) Mandive loo mazwi namhlanje xa ufumanisa ukuba i-product yakho ayifikanga esikhululweni.
MZUKISI: Uchaza ukuthini?
BONGA: Ingoma emnandi iyaphindwa mntakwethu. Amajita am aphinde azidlalela kwii -truck zakho. Ikhona ingxaki, msila wam?
MZUIKISI: Phinda uthethe, uzophambana nemvula ngawo lo mzuzu!
BONGA: Hlisa amaphaphu mnt’omdala, ayiyoyakho le game. Hamba uyobhalisa kwaSASSA.
MZUKISI: Kwedini, vala lo mlomo wakho omdaka!
(Abantu babajongile)
BONGA: Madala, usibizel’ amehlo. Ufuna ukulala ubaliwe namhlanje?
MZUKISI: Zigade kwedini! Kudala ndikujongile ukhwela uzehlela apha kum. Ukuba uyayazi into oyifunayo uza kusuka endleleni yam, okanye ke ndikususe ngokwam.
(Utsho edumisa imoto yakhe eleqa kwi-warehouse yakhe)
**************************************
E-warehouse.
MZUKISI: LIZO!!!!
LIZO: Ewe Grootman.
MZUKISI: ‘Ewe Grootman’? Uwenzile umsebenzi wakho?
LIZO: Bendingekayifowun….
MZUKISI: Ulinde ntoni?! Makwedini niyandilibazisa. Kuhlwile ngoku. Kufuneka awelele kwelemimoya uBonga! Kutheni ndizodlala namakhwenkwe ngoku?
LIZO: Sho bhut’omdala.
MZUKISI: Baph’ abanye?
LIZO: Naba bengena bhut’ omdala.
MZUKISI: Mayihlom’ ihlasele makwedini. Ziphinde zasithathela okungokwethu ezi bhari zikaBonga. Lo mfana uzilibele uba uphuma kwezi zam izandla! Ndiza kwenza ngaye umzekelo. Kuza kwaziwa uba uMzukisi akagezelwa futhi akayondawo yokudlalela iintwana. Kule siya kuyo iveki senza ngokwecebo. Andifuni mntu uthithizayo ke makwedini. Ndifuna i-clean job! Kungabikho mzila uza kushiyeka ubuyela kuthi, siyevana??
BONKE: Ewe grootman!
MZUKISI: Andiniva!
BONKE: Ewe grootman, kuvakele! Mayihlom’ihlasele.
MZUKISI: Lizo, hlala phezu komba!
LIZO: (ephuma)
LIZO: (kwifowuni) Mntwan’exhego… Uyaphila?… Ndicela sidibane ke ngoMvulo weveki ezayo endlini yakowenu njengoko besivumelene… Min’emyoli ke mfowethu.
IMIBUZO: Ucinga ukuba lithini icebo labo lokubulala uBonga? Ngubani lo uthetha noLizo emnxebeni?