Sibuyela emva kwiiveki ezimbini ezigqithileyo. NgeCawa, USipho ufika eGoli. UBonga uhleli nenkosikazi yakhe uZoleka.
BONGA: (esihla ezitephsini) Kwaze kwanuka kamnandi aph’ endlini namhlanje.
ZOLEKA: Kodwa uhlala usitsho njalo yonke imihla .
BONGA: Lo nto ithi isandla sakho siphiwe ke apha ezimbizeni. Banoyolo abatshata oonkosikazi abapheka kamnandi kuba baya kuhlutha bona.
ZOLEKA: (ehleka) Inene waguquka wangumfundisi ke namhlanje. Hayi uyakuthanda ukutya Bonga!
BONGA: Ngethemba lokuba uyaphaka ngalo mzuzu.
ZOLEKA: Libala ke mfokabawo. Akukho mntu uza kutya lungekafiki undwendwe lwethu. Tyhini, uphi yena uSipho?
BONGA: Hayi bo, yintsimbi yesixhenxe ngoku. Ingathi kanti bayigebengile bayibhodisa iselula kanje le ntwana!
ZOLEKA: Musa ukuthetha kanjalo! Ugqibele nini ukuthetha naye?
BONGA: Sekulithuba. Andikathethi naye oko ndiphume emsebenzini. Khawuthi ndimtsalele umnxeba.
(kwankqonkqozwa)
ZOLEKA: Ayinguye lo usemnyango?
BONGA: (esiya emnyango) Andiqondi kuba bekufanele andibize ndiyomthatha ezibhasini . Ngunolali kaloku lowa. Ndithemba uba ayizizo ezi popayi zikaMzukisi.
BONGA: (evula) Ntwana yasedladleni! Ufike njani ngokwakho apha?
SIPHO: Mkhuluwa! Ndiyaphila wena unjani?
BONGA: Phendula Sipho, ufike njani apha wedwa!
SIPHO: Hlisa umoya bhut’omdala.
BONGA: Ndihlise umoya! Khawuthethe kwedini!
ZOLEKA: Yingxolo yantoni ngoku le?
SIPHO: Hayi buza umyeni lo wakho sister.
ZOLEKA: Bethuna, nibadala ngoku. Ayinokwenzeka into yokuba nisaxabana laa nto naniyixabana nisebancinane.
BONGA: Le ntwana izozingenela ngokwayo apha endlini! Ndizothini mna kwi oledy lakhe xa bemeqisa amafu apha eJozi?
SIPHO: Relax bhuti. Akukho mntu unokusuka andibulale nje ngaphandle kwesizathu.
ZOLEKA: Yho mntan’am zininzi izinto ezehlela abantu bengenzanga nto.
SIPHO: Uthetha ukuthini ngoku sis’omdala?
BONGA: Uthetha ukuthi ungaphinde uyenze lento uyenzileyo!
ZOLEKA: (ujonga kuBonga)
BONGA: Kulungile ke! Uxolo mninanwa ngokungxola. Ingxaki yam kukuba akukhuselekanga apha eGoli ngoku akulunganga ukuba uhambe wedwa ungayazi le ndawo. Ungathembi nabani na apha. Abantu bale ndawo ziinyoka ezirhubuluza phantsi mfan’am.
SIPHO: Ndiyakuva bhuti. Kodwa lo wanamhlanje ebenobuntu kakhulu.
BONGA: Ngubani yena lowo?
SIPHO: Ngu…. (lwakhala ucingo lwakhe)
SIPHO: (kwifowuni) Ntwana yam!
IMIBUZO: Wakhe waya eGoli? Ucinga ukuba umsindo kaBonga ufanelekile?