IsiXhosa lulwimi olungqindilili, sele ethetha umXhosa uye umve apha entwethweni ukuba uyazingca ngobuXhosa bakhe. Ndikhulele kwilali yaseDongwe ngakuKomani, ndikhuliswa nguCwerha ongutamkhulu wam, obendikhuthaza kakhulu ukuba ndifunde kwaye ndibhale ngesiXhosa. Kodwa ngenxa yemeko ndandisoloko ndifuna ukufunda isiNgesi ngenxa yamathuba omsebenzi nemfundo efumaneka esingesini.

Ndandingayazi ukuba kukho into ekuthiwa sisiXhosa sengingqi, ngoba ndikhule ndicinga uba sonke sithetha isiXhosa esinye. Umehluko mncinci, owuqapheleki kubantu abangamamelanga. Umzekelo ufika kwam eMonti, umntu xa ebulisa esithi, “Molo,” ndandivuma ndithi, “Ewe.”  Umzala wam wayendihleka xa endiva ndivuma olohlobo ngongathi ikhona lento ingavamanga ndiyithethileyo.

Wayendihleka ngoba eMonti umolo uvunywa ngo, “Ewe ke,” xa uvele uthi ‘ewe’ ibangathi awunambeko ncam. Abanye abantu bade bakuve apha ententweni yesiXhosa sakho uba ungowaphi.

Kodwa ufika kwam eKapa ndafika kwenye into, incinci yona kodwa abantu abaninzi babendigxeka ngayo. Indlu eyenzwe ngamazinki eKapa kuthwa lityotyombe, eDongwe kuthwa yipozi, abantu base Monti bona bathanda ukuthi ligali.

Le yimizekelo yesiXhosa sengingqi, sixhomekeke ekuba ukhulele phi. AmaXhosa azibiza ngeziduko, abanye bathetha isiXhosa esahlukileyo ngenxa yesiduko esimchaza ukuba uvelaphi.  Umzekelo amaHlubi athetha isiXhosa kodwa sinawo umehluko othi xa umntu ethetha umve ukuba liHlubi engekazazisi.

Sizobhiyozela usuku lwelwimi zethu esizelwe nazo, kubalulekile ukuba uzikhumbule uba ungubani, waphi futhi uyaphi. Ndiyazingca ngobuXhosa bam, ndime kulendawo ndikuyo nje andifikanga ngasiNgesi qha.

Kobu bom siphila kubalulekile ukuba ufunde uthetha olunye ulwimi, ingakumbi uhlala elizweni elinamalwimi ohlukeneyo.

Elinqaku liyafumeneka ngesiNgesi apha

Sixelele: Uthetha iilwimi ezingaphi? Wazifunda njani?