UDingindawo ke, ngabula gama lethu thina zintanga zakhe, ubethe ncothu ngesithomo, etsho ngeentsinga zeengalo ngathi uza kuxhas’ izulu. Ukuba mfundi wawukhe wambona laa mntu kwakusithiwa nguAtlas kwiincwadi zakudala, yiba nomfanekiso-ngqondweni wakhe ke xa ufuna ukwazi ubunjani bukaDingindawo. Ndamcenga ndamncama ndisithi ukuba bendinezi ziphika zakhe, njengoko ndiyinzathalalana ephephukayo efun’ ukungxalw’ amatye xa kugqutha, bendiza kungenela ukhuphiswano loonobuhle ndikramz’ imali. Aphendule unkabi engabolanga mlomo nje, “Uyabona Mzoli mfo wam, lo umzimba ayiyodamsese yokuhamba isithiwa qheke kumaholo okhuphiswano e-modelling. Le yitempile kaThi…” ndimqhawule esazimisele ukundishumayeza, “…awu mfondini, lo mntu undixelela ngaye kuthiwa nokuba umntu wone kangakanani na uyamxolela. Uthetha into yokuba mhlobo wam uza kuphoswa yimali ngendaba yecawa?”
“He yihlo jima xa ufuna ukufana nam, uyek’ ukugxek’ umzimba wakho. UBawo uwudale ngeenjongo, bakho abanqwenela lo mzimba wakho.” Hayi ke nam ndibe sisikhenkelele, ndincume ngathi ndimka nomlambo xa endikhuthaza kanjalo. Lo mfo ke ubentsundu ngebala, etsho ngeengxavulana zamazinyo ngokunga ngunomumatha wokugrumba namhlophe qhwa. Lopholopho lakwabani ngencoko. Besintanganye , sikwishumi elinesibhozo leminyaka. Kuthe kwakusa walichuba labuhlungu ibali lokukhulela kwakhe eThombo kwilali yaseMthalala. Kwatsho kwasika nakum ndakuliva. Uqukumbele ngala mazwi sel’ echiphichiphiza. “Ukuba ibingenguye uMvangeli uMaqholo noBaw’ uTolo andiqondi ukuba ngendasindayo ekuzixhomeni.”
“Awu! Utsho ngokuba kutheni na ntang’ am?” Ndimthe ntsho ngamehlo anomothuko, ndazithi nta iindlebe, zindidika nezo zaphuselane zeempukane zaziman’ ukuphukaneka zindiphazamise ndisamamele. Uqhubile lo mfo nebali lakhe, “Sizelwe sibathathu ekhaya, kulaa lali yaseMtyu eLibode. Isikizi elandehlela nekhaya lam apho lokutshiselwa endlwini kuba kusithiwa umama yinkuntsela yegqwirha, nobawo enenyambalala yemfuyo nje kungokuba waathwala kwaRhotso, elo alikapheli engqondweni yam kuba kwathiwa, ‘Mayife inja namathole ayo,’ kusitsho abantu ababhobhoz’ ipetiloni phezu korontawuli wasekhaya kulaa ngingqi yaseBovini. Batsha baqhuqhumba abantwana bakamha, nabazali bam nabo batsha baluthuthu, nam andazi ukuba ndaphuma njani kuloo rontabile njengoko yayirhangqwe ziintsizwa yonke loo ndlu. Wath’ umntu ‘balek’ uwel’ uMthakatye uy’ eNgxokweni kwayihl’ omdala.’ “Ndathwabaza ngobo busuku ndihamba ndifohlek’ esingeni nasezindongeni, ndimana ndiqengqelek’ equndeni njengoko ndandimana ndibhukuleka xa ndithe ndawa, indlela ndiyifunisela. Izikhova ezazihuhuza phambi kwam ndandingasazikhathalelanga okuya kokuqala. Ukulenza lifutshane ibali, bonke abo batshisa ikhaya lam, baye babanjwa ngamapolisa basiwa kwijele yaseNgqeleni. Mlesi yiva mna xa ndisithi kuwe le ngalo yomthetho ikhoyo iyekeyeke kuba uninzi lwabo lwaye lwanyoba ijaji baphuma betshaya, imbinana yabo yadontsa iminyakana engamine-mihlanu yakhutshwa.
“Zange ndihlale nosuku eNgxokweni ngenxa yokoyika ingqumbo yabantu baseMtyu. Ndakhwela erenkini yaseNtlaza iimoto eziya kwaMakazi eMthalala eThombo. Hayi ke apho, ukukhula ndiyinkedama nokukhethwa nguMakazi kwandenza ndalikheswa mpela. Rhoqo xa ndilele, oyena mntu ndandimphupha endileqa ephupheni ngebhoso, maxa wambi andileqe ngeyona yakhe yande inyoka, nguMakazi. Wathi akugqiba ukuphoxwa ngabantwana bakhe uSizwe noSiziwe ngobuthathaka bengqondo, wathi ndiyaxoka asoze ndizipase iimviwo zikaGreyidi 9. . Abayibonayo intlalo yam bakrwec’ uBaw’ uTolo bathi makandiadopthe. Zange imhluphe naleyo uMakazi, wathi mandihambe kuba ndigqib’ igilosari yakwakhe kakade. “Kwiinkolelo zakwaBaw’ uTolo babekholelwa kakhulu emayezeni esiNtu, kumaxhwele nasemagqirheni, kwathiwa nam ke kufuneka ndihloliwe ndaqiniswa ligqirha. Ndaphuma apho kwelo gqirha ndithe nkebe umlomo ndakufumanisa ukuba amagqwirha ayeselendifake iintlanga zawo ezimdaka ndilele, andithi dyibha ngesichitho. Lihambisa lithi igqirha kwaikhaya lam eMtyu latshatyalaliswa ngefuthe lamagqwirha. Kwamna ukuba bendingezanga kulo bendizomnabela uqaqaqa ukuba andiphambananga ngengqondo.
“Ngokutsho kwalo lithi uninzi lunomona wobukrelekrele bam kwaye amagqwirha anoqhagamshelwano olunzima noMtyholi inkosi yawo kuba selendivile ukuba ndisegqirheni njengokuba lithetha, yiyo loo nto aza kutshintsha ikhasi andize ngandlela yimbi loo magqwirha. Landiqinisa ke ngeentlanga nentsizi emveni kokuba ndifuthiswe ndaphalaziswa unyak’ onesiqhuma ngabakhwetha balo. Nangona ndingakholelwa ncam nje kwezi zinto zobugqwirha, ndafana ndavuma ukuba ndizoyilandela imiyalelo yegqirha ethi, ‘ndiyakwazi mfo wam ukuba ulikholwa kodwa yiva mna xa ndisithi namagqwirha la akuthakathayo ahamba nawe icawe eyokuthandazela ukukuthwebula ngempumelelo. Ngoko ke uze ungaze wohlukane nomthi wam, uwuhlaziye rhoqo de ndiqiniseke ukuba ndiyigutyule ityhefu yawo emzimbeni wakho yaphela. Uyandiva phofu?’ ‘Ndivile Tata,’ ndatsho ndivuma nje kuba ndilisusa phambi kwamehlo am. “Akuzange kudlule nyanga zingaphi ndilahle ezo ngcanjana zegqirha, ndaphambana ndathi ndrii. Ndiba ngathandaza, hayi bo tu utshintsho! Wade uBaw’ uTolo wathi mandiyohlala kwamzala wakhe uBaw’ uMaqholo onguMvangeli ekwangumthandazeli eMajola eNtsimbini,. Ndaziva ngcono gqitha kweli khaya lam litsha, kwehl’ ukugula ndakuthandazelwa, aphuma athi phri-i-i amafufunyana, ngabula amazwi kamthandazeli. Nguye ke nalo undibhatalela iindleko zesikolo apha eGcinumthetho.” Watsho wathi cwaka lo mfo ngokunga uhluthwe ulwimi, ebonakala ukuba ucinga kude, de ndathi, “tsi! Bunzim’ ubomi bakho ntang’ am. Yonke inkxaso yam oyifunayo woyifumana, akuwedwa. Masiyokwenza ivasi eDiphini ke ngoku limkile ilanga.”
Umbuzo: ingaba uyakholelwa ukuba ubugqwirha bukhona? Ukuba ewe, wena wakhe wahlangabezana namava okwenzelwa ubugqwirha?