Ndatshintsha impahla yam yesikolo, ndayiphosa ezimpahleni eziza kuhlanjwa, ndaza ngobunono ndaxhoma ibhatyi yam yesikolo ebhokisini yempahla! Elona qwili lam lokubiza iintwazana.

Ekugqibeleni ndingatya amashwam shwam am! Awamabi ngako! Akukho tyuwa okanye sincasanisi, zitapile nje ezikram kram epleyitini. Ndifuna ityuwa, kodwa ngelishwa andivumelekanga nokuba ndiyiphathe. Le nkolo ngetyuwa endlwini kamakhulu seyide yangathi yimpambano nje. Ngalo lonke ixesha umakhulu esiva iikhabhathi zivuleka ekhitshini, qiniseka ukuba uzakuva ngelo lizwi lakhe likhulu lingqokolayo, linqanda “Heyi! Heyi wenza ntoni apho? Ndiyathemba awudlalisi ngetyuwa. Ukutya kwakho kunetyuwa ngokwaneleyo!”

“Ukutya kwakho kunetyuwa ngokwaneleyo!”

Ndabuza kumakhulu ukuba angandinceda na andichathazele ityuwa kula mashwam shwam am etapile kodwa wayexakekile ebukele impinda yomdlalo kamabonakude, i-7de Laan, ethuka nalo mabonakude, engxola egrogrisa ngokubulala naloo Gita nje ekhe wazama ukuzifaka kobakhe ubomi. Umama yena ulibele kukuthuthuzela umninawa wam omenze waziva enobutyala ngokumohlwaya noxa bekufanele ohlwaywe kakade.

Ityuwa ikulaa shelifu iphezulu kanye ekhabhathini, kude lee ukuba mna nomninawa wam singayifumana. Ndatsala isitulo, ndakhwela kuso, ndavula ikhabhathi, ndatsala ityuwa, ndagalela intwana kula mashwam shwam am.

Isitulo kwathi kanti asiqinanga nje ngakuqala. Suka wathi shwaqa umlenze, ndehla ndaya kuthi nka kabuhlungu ezantsi. Kwavakala isithongakazi. Enjalo intlekele…yaba ngathi yindawo yengozi, yonke into yathi qhu sarha kanye oku kwendawo yexhwayelo le ngozi yemoto. Isitulo sasilapho phantsi, ipleyiti eyophukileyo…yayilapho, lo mashwam shwam anetyuwa nalungele ukutyiwa ayelapho phantsi, nam ngokwam ndilapho. Kwakukubi. Kwakumele ukuba ndenzakele kakhulu kodwa yayingumkrwelo nje apha edolweni.

Ndakwazi ukuva izingqi zifana nexilongo lemoto yezigulana. Zeza zibaleka oku kwabanyangi, zixhalisekile ngenxa yam, ndiyazicingela nje. Eneneni abanaxesha lam konke konke. Abazali babantu abamnyama bakhathalele kuphela izinto zabo, imali, uncedo lwabo lwezonyango lwabucala, kunye nantoni ke engaba yophukile.

“Sisimanga santoni esi usenzileyo emhlabeni! Gezazanandini! Gezazanandini lo mntwana! Uyaphambana? Ingaba uzama ukubhunyula yonke imali esekhadini lam lezo nyango?” Ndamva umama esitsho.

“Kuqala ibingumkhuhlane, waphinda umntakwenu waba nesifo sengqakaqha, ngoku yile. Owu lafa ikhadi lam lokubhatala kwagqirha.”

Emva koko ndacinga ngetyuwa! Ingaba ndandikwazile ukuyibuyisela apho ndandiyifumene khona? Hayi. Yayiseyinxenye yalo mboniso welishwa.

UMakhulu wayebonakala enxunguphele, esoyika, ngokungathi ubone isiporho. Ume ngxi, akashukumi akathethi. Ekugqibeleni ufane wathi xa ethetha, “Imbi kakhulu le nto.” Waphosa intsalela yenye ityuwa emva kwegxalaba lakhe lasekhohlo, waza waphinda wathi: “Imbi lento kakhulu, kakhulu. Vuya nje kuba ungophukanga nalinye ithambo, ndiyakuqinisekisa bekumele ukuba wenzakale ngaphezu koku.”

“Ew…ew…makhulu ndiyazi…” Ndathintitha bumini.

“Thula! Yithi tu akwazi nto tu. Eneneni…” Umakhulu wakhe wathi cwaka, ecinga nzulu, engcangcazela ngokusisimanga. “Eneneni…ngowuzilungiselela. Kuza kuba kubi ukusukela ngoku. Le pleyiti yophukileyo, idolo lakho, isezizinto nje ezincinci. Buza kum, ndiyazi kakuhle.”

Konke nje ngenxa yetyuwa!

***

Khawusixelele: Zingantoni ezakho iinkolelo, ukuba zikhona?