Umqhubi weUber yam wayeqhuba ejongise kwindawo ehlala uSino kwaye intliziyo yam ivele yangongoza ngamandla esifubeni. Ndiyayazi ndimoshile kakhulu xa bendiqale ngokumtyhola ngokuthi nguye unobangela wayo yonke le nto iqhubekayo. Ngoku ndiyoyika- eneneni ndiyatyhwatyhwa-kungenzeka ukuba ndimoshe izinto phakathi kwethu.

Ukuba ndiya kuye ndifike ndandlale intliziyo ezinyaweni zakhe aze yena andale…andiqondi ukuba ndingakwazi ukuyithwala loo ntlungu. Njengokuba sendibona idlela endimthanda ngayo, andiqondi ukuba ndingakwazi ukunyamezela ukuhlala ngaphandle kwakhe.

Xa ndifika kwakhe itheko lalisele liphelile, enkosi Bawo! Ucango lwakhe luvuliwe kwaye kuthe saa kumdaka yonke indawo. Ndamfumana ehleli ekhitshini ephethe isiselo ngesandla. Akaphakamisa nentloko xa ndingenayo, akashukumisa nozwane xa ndihlala ecaleni kwakhe. Ndawutsala ezantsi umphefumlo, ndaza ndaqalisa loo ntetho yam incinci ndinkwiniza.

“Ngokucacileyo, ndibhatyazile. Ndiye ndoyika ndaza ndathetha nje. Bendifuna ukuncamathela kule nto ndiyiqhelileyo…kuba ibibonakala ikhuselekile. Akhange ndiyiqonde indlela endikuthanda ngayo de ndayibona into yokuba ubudlelwane bam noKabelo buphelile. Ndiyayazi ngoku ukuba oyena mntu ndimele ukuba naye nguwe. Ndicela undixolele.”

Wajika kancinci wandijonga ngalo mehlo azi ngwenye ukuba bomvu.
“Ulapha kuba undithanda okanye kuba engafuni kukwamkela kwakhona?”

“Ndilapha kuba ndimxelele ukuba wena ungoyena mntu ndifuna ukuba naye ebomini. Ndilapha kuba wena ungoyena mntu ndingenakuze ndikwazi ukuphila ngaphandle kwakhe. Ndiyakuthanda.”

Akathethi nto ke ixesha elide. Suka aphakame ethubeni aguqe phambi kwam andiphuze.

“Bububhanxa bantoni maan obu benze ukuba uthathe ixesha elide kangaka ukuyiqonda into yokuba uyandithanda.”
Sasuka sayithula phezulu intsini sobabini kuba lo mzuzu wawuvakala ungowona unentsingiselo.

“Ndiyacinga ukuba bekudingeka ukuba ndityhalelwe ngetshova kwelo cala.”

Sawolana, kanye ngelo xesha, sabuyela apho besiyeke khona. Kwaye ngoku kuyavakala ukuba yonke into ilungile. Ndiziva ngoku ngathi ndithathe owona mngcipheko kodwa umngcipheko oza kundizela novuyo. Ukwazi ukuba yonke into ilungile phakathi kwethu kufana nqwa nokubona umnyama emva koqhwithelo olukhulu. Iimvakalelo ezityhutyha imizimba yethu zibonakalisa ukuba konke kuza kuba kuhle njengokuba uqhwithelo sele ludlule nje kwaye lulityelwe. Ezi mvakalelo zoxolo endintyumpantyumpeka kuzo zindixelela ukuba singenza nantoni na.

Kanye ngalo mzuzu ndiziva kukho apho ndilmele ukuba khona kwaye enye nenye engaphandle kwethu ayinamsebenzi. Azange ndiyazi ukuba ndingaze ndithande umntu ngokunzulu ngolu hlobo, kwaye njengokuba ndisazi ngoku, andifuni tu ukuphuncukana nayo le meko.

“Owu…enye into, ndiza kucela indawo yokuhlala nje oko mzuzwana.”
“Ungahlala kangangoko uthanda.”

Hayi ke emva koko safunquleka salahleka kumaza othando lwethu…

Sixelele: Ingaba wakhe wazibhawa unomdla emntwini obengalindelekanga; umntu ongelulo “udidi” lwakho lwesiqhelo, okanye isini sesiqhelo? Ingaba wayisombulula njani loo meko?

ISIPHELO