Namhlanje yimini yePride, kwaye uTori ungxamile ufuna sihambe kuseliqhiza ukuya ebaleni. Le yinto endingenamava ayo. Ewe ndikhe ndiwabone amanqakwana ambalwa ezindabeni. Kodwa ke noko, oko akufani nokuba ube phaya kanye emfuthweni wento.

Babengebahle abantu begqibile, benxibe imibala eqaqambileyo neempahla eziqulethe imiyalezo ethile. Yayingathi litheko elikhulu, kuculwa, kuyiyizelwa kwaye kuhanjwa umgama omde. USino wayethe chu isandla sam lonke eli xesha, nam ndisiqinise ke isandla sakhe njalo xa ndibona umfanekiso ohlekisayo okanye ndibona umntu onxibe iwigi enkulu enemibala bala.

Ndazibhaqa sendiphakathi kumjayivo wokutweka owapheliswa yenye indoda ethandana namanye amadoda neyayinxibe iwigi enkulu ebomvu. Uyatweka loo mntu ade atabalaze. Ngumbono nje omangalisayo. Ngubani owayesazi ukuba ukuqhankqalazela ukulungelwa kungaba kuhle kube mnandi kangaka? Bendiba ngajonga ngapha ndigangwe ngabantu abancumileyo, abahlekayo, abadanisayo kanti nabaculayo.

Sithe sakufika kwiholo ledolophu loo mndilili wabantu wehlisa amazwi awo ukuze izithethi zethu ziqalise. Babethetha beveza imiba eyahlukeneyo echaphazela iqela labantu abakwi LGBTQIA+, le yayi yimiba ababecinga ukuba urhulumente kumele ayiqwalasele.

Eyona miba iphambili kukukhathalelwa ngokwezempilo kwakunye nokulwa nobundlobongela obubangelwa yintiyo. Sithethi ngasinye besigxila kumba othile, kwaye inkoliso yezinto ebezithethwa apho bezidlula ngaphaya kwentloko yam. Bonke babesemfuthweni kwaye bewushukumisa loo mndilili ngamazwi abo. Ekugqibeleni, saba nomzuzu obuhlungu wokuthi cwaka sinika imbeko kwabo bathe balahlekelwa bubomi babo ngenxa yobugebenga obuphenjelelwa yintiyo.

Itheko lasemva koku belikwelinye nje iqondo. Kukho namaqela emiculo acula ngoku sjongile kwakunye nemfumba yotywala. Imeko nje yonke yeyochulumanco, wonke umntu uziva kamnandi wonwabile. Lonke iqela lethu lilapha kwaye asijuxuzi yeha! UTori waphela emehlweni kuba kwaphantsa kwaqhambuka omnye umlo: amantombazana amabini kula athandana nawo afika kwaye ezimisele ukulala naye ngobo busuku.

USino wathi kusengenzeka ukuba babuye bevana sele bezitshomi, ngokungathi bebengagqibi ukufuna ukubulalana, kuba uTori wayenendlela yakhe ethile yokuwaqhatha kamnandi amantombazana. Xa bebuya bevana, ewe bengalwi, bendisuka ndidane ndithi toxo. Ndiyamoyika lo Tori.

Okoko sathi salala kunye mna noSino asisakwazi kuhlala ngaphandle komnye. Besisabelana ngesondo amaxesha amininzi kwaye ndade ndaphela ndichitha impelaveki kunye naye ngeli xesha uKabelo wayesazikhuphile namanye amadoda asebenza nawo.

Ndiyayazi ukuba kumele ndizive ndinobutyala…ndihambe …kodwa kukho into esoloko inditsalela ezingalweni zika Sino qho. Xa sohlukene ndisuke ndilangazelele ukuba kunye naye ngamandla. Ndichitha iimini zam ndicinga ngaye, kwaye xa sele siphinde saba kunye kuba ngathi kungona ndiqala ukuphemfula kakuhle.

Unxibelelwano lwethu lunzima kakhulu luyandishukumisa ndithi qwa- ingathi bendihamba ndilele bonke ubomi bam, kwaye ukudibana naye kwakufana nqwa nokuvuswa kukuphuzwa okunika ubomi. Kwenzeka njani na ukuba into evakala kamnandi ngolu hlobo, ibe iyinto engalunganga?

Ukuba lapha ndidanisa noSino, ndiyaqonda ngoku ukuba uthando kumele lube nje. Oku kutsalana omnye komnye akuyekeki. Uthando kumele kube bubusuku obungalalekiyo apho umana usothuswa ngamaphupha amyoli azobozayo ngesithandwa sakho. Kumele kube nje, ube sezingalweni zesithandwa sakho, kwaye uzive usekhaya njalo xa sikugona. Uthando lumele ukuba ibe kukuphuzana okungapheliyo, nokumana nijongana ngokubawelana apha endlwini. Uthando kumele luvuselele into engaphakathi kuwe ekuqhubela kulo mntu umthandayo.

Andiyazi yenzeke njani le nto kodwa ndikhulelwe ziimvakalelo ezingaphaya kwam ngalo mfazi-kwaye iyandoyiksa le nto mpela!

Andinakuthi andimthandi uKabelo…kodwa ndingathi nje…kwahlukile. Kodwa ukuba naye ngoku sekuvakala ngathi ngumsebenzi; ndisuke ndikhethe ukumbaleka. Andiqondi ukuba ukuba noSino kuziguqule iimvakalelo zam kuye kodwa kundivule amehlo ndatsho ndabona ukuba ikhona into eshotayo kuthi.

Ukuthanda uKabelo kunolungelelwano: Usapho lwam luyamthanda, usapho lwakhe luyandithanda kwaye ke yinto ebambekayo ke ukuba sidityaniswe. Besikunye ixesha elide kakhulu, sade soneliseka. Sayeka nokuzama ukufaka iintlantsi ezithile kuthando lwethu esasinazo ngokuya sasiqala ukuthandana.

Inzondo yam ngakuye ngokusiphula ingcambu zobomi bethu ngenxa yomsebenzi wakhe kwenze izinto zabakrakra. Ndiyacinga ukuba iimvakalelo zam ezininzi ndizigcina ngaphakathi nje kuba ndifuna ukuba angakhathazeki.

Ngoku andazi nokuba kumele siqhubeke sibe kunye.

“Kufuneka sihambe kwangoku. Itheko lamva liphaya kum endlwini,” watsho uSino endikhupha kwezo ngcinga zam.

Saqokelela wonke umntu sajongisa imibombo kwakhe. Kwangoko laqala itheko saze sangenelela emjuxuzweni nje ukuba sifumane iziselo ezitsha. Sadanisa, sijayiva kwaye ndandiqinisekile ukuba ndinxile mpela. Iziselo zazisiza macala, umculo ugqumza kamnandi, abantu beshukuma bonke, kwaye nam ndandonwabe ndisenkcochoyini yobomi!

“Awufuni ukukhe uthi gu bucala, singabonwa?” Ndabuza uSino, ndimbhaqa esekhitshini ezalisa igilasi yam. Ndazibhijela izandla zam esinqeni sakhe ndimi ngasemva ndaza ndaqalisa ukumncamisa entanyeni, ndiqinisekisa ukuba uyaqonda kakuhle apho ndifuna siye khona.

“Andibuzwa kabini mna. Yiza, sihambe.”

Waguquka, wathi nqaku isandla sam wabe sele enditsalela egumbin ilakhe. Sithe sakuba ngaphakathi hayi ke izandla zaba kuyo yonke indawo siphuzana kuyiloo nto. Wandikhulula into yangasentla saza sangqengqa ebhedini siphuzana.

Kanye nje xa eza kukhulula eyakhe into ayinxibe ngasentla, sabona ngocango luvuleka ngathi luyabhabha savela saxhuma kukothuka. Omi emnyango, enobuso obukhwankqisiweyo nokungakholwa ngenxa yomothuko ebusweni bakhe, yena yedwa uKabelo!

Wema de waba ngathi usemkhenkceni, kwaba ngathi ngunaphakade, ndabe mna ndiphutha phutha apho egumbini ndikhangela impahla yam yangasentla. Wazama ukuthetha kodwa kwaba ngathi amazwi awaphumi emlonyeni. Wasuka waguquka wemka. Ndaxhuma, ndamleqa ndabe mna ndileqwa nguSino.

“Kabelo Yima! Ndicela undimamelo torho,” Ndamkhwaza nje ukuba siphume phandle. Waguquka ngokukhawuleza, ndaza andakwazi ukuma ngethuba ndaphela ndisiya kubetheka esifubeni sakhe. Wandibamba emagxeni wanditshovela kude kuye. Indlela awayendijonge ngayo eyonyanyayo, yandothusa.

“Kulungile cacisa! Cacisa ukuba bekuqale phi ze wena uphele usebhedini yakhe…niphuzana? Uyenza njani into yokuba undenze ndikulinde endlwini, ngelo xesha wena uyandikhohlisa? Uyenza njani into enje kum?

“Akhange ndiyicebe nam ukuyenza into enje. Ndi…”
“Bububhanxa obo! Awunakuvela uzibone nje sele use zandlelni zenye intombi. Okanye uzama ukuthi utyibilike wawa wazibona sele usebhedini yakhe?”

“Hayi…bendicatshukiswe yilento yokuza apha, waske yena wandithuthuzela emva koko kwabakho neemvakalelo ezithile…akhange ndiyicebe le nto ukuba yenzeke…ndivele nje…”

“Waqonda ukuba mawundibhanxe? Uvele wanyelisa yonke into ebesiyakhe sobabini. Ugqibe kwelokuba ukrexeze kanye ngoku unxibe umsesane wam.”

“Kabelo, ndiyakucela torho…akhange ndiyicebe le nto yoku…nyhani nyhani ivele yazenzekela.”

“Uyamthanda”?

“Andi…andi…andiyazi.”

Wema ke apho ixesha elide endijongile ndade ndabona ukudandatheka kwakhe kwakunye nomsindo emehlweni akhe. Yaphuka ngoko nangoko intliziyo yam.

Ndandimenzakalisile kwaye wayengasokuze andixolele. Le ndoda, le ibilunge kangaka ebomini bam ixesha elide, mna ndivele ndanyhasha zonke ezomvakalelo zayo ndingacinganga nokucinga. Wabuya umva kancinci kum, waza waguquka wahamba waya emotweni yakhe, endishiya apho ndibindekile.

Uthe akuyiqhuba emke zee waxa iinyembezi emehlweni am ndalila andathuthuzeleka. Zange ndiqonde nokuba uSino wayendibambe ezingalweni zakhe de ndavula amehlo. Ndazinqwabulula kuye ngokukhawuleza, ndihlunguzela intloko.

“Yenziwe sithi lento. Sivise ubuhlungu indoda endiyithandayo. Nguwe wonke unobangela.”

“Intoni? Ndim ndonke unobangela njani?”

“Undifake ebomini bakho…nam ndazibhaqa sendithandabuza ngoku ubomi bam bupatyalakile!”

“Lilonke ndimoshe ubomi bakho?”

“Hayi…andithethi ngolo hlobo.”

“Kaloku azange ndikuqweqwedise ukuba ube nam. Awukwazi ukundibeka ityala ngokungathi ubungekho kunye nam ngoku besiqhatha umntu wakho. Ndineemvakalelo ezinkulu ngawe, kwaye ndiyayazi nawe uziva ngolohlobo ngam. Okanye ke ndiyaphazama-akuziva njalo.”

“Andiyazi…ndisabhidekile nje. Ndibone ukukhanya emehlweni kaKabelo kucima kusiba mfiliba, kwaye ndim unobangela woko. Hayi wethu andiyazi…”

“Ufuna ntoni?”

Azange ndikwazi ukuthetha. Wawuphinda umbuzo wakhe. “Ufuna ntoni Thato?”

“Andiyazi…andi…”
“Mandikwenzele lula ke. Yahlukana nam ude uyiqonde kakuhle eyona nto uyifunayo. Mna ndiyazazi ukuba ndiyakuthanda, kodwa andinakukwenza ukuba ukhethe mna.”

“Uyayazi ukuba ndineemvakalelo ngawe! Kodwa andifuni ukuvisa intlungu nokuba ngowuphi na kuni.”

USino wandisondeza kuye, wandiphuza ebunzi, wanditsala waza akugqiba wandiqwalsela ngqo emehlweni.

“Uvumelekile ukuba ukhethe ukonwaba. Ungahlali naye nje kuba ukokose imvakalelo zakhe.

Sixelele: Ucinga ukuba uThato usamthanda uKabelo? Okanye uva enye into?