Kudlule iintsuku ezintlanu okoko igqirha lagqiba ukuba kufuneka ndibonise iziphumo. Okoko ndizama ukufumana into endingambonisa yona. Ndenze iingxelo amatyeli ngamatyeli. Ndizamile ukwenza ulingo ngemixube eyohlukeneyo yeefomula zam. Akwenzekanga nto. Andikazi nangoku ukuba zibulawa yintoni izitalo. Ndichithe lonke ixesha ndisebenza ndijonga iziphumo zezityalo, ndenza uphando kule ndawo. Ngexesha sihamba ngesithuthi sisiya kwigqirga, andikwazi kuthetha ngenye into ngaphandle kwezinto ebendifunda ngazo.

“Ndisandula ukufumanisa iimeko ezenzeka kwiminyaka emibini edlulileyo ePaulpietersburg, apho kwenzeka into efana nale yenzeka apha. Kwakukho isilwanyana esingaziwayo esabulala abantu ababini sonzakalisa abanye abathathu. Amapolisa ayesazi ukuba luhlobo oluthile lwesilwanyana esenza le nto kodwa babengazi ukuba loluphi uhlobo. Kwakunokwenzeka ukuba yinja yasendle okanye inja esisibhadubhadu. Kwanyanzeleka ukuba babize igqirha lize kuzama ukufumanisa ukuba yintoni le ebulalayo.”

“Bayifumanisa kusini na?”wabuza ngeli xesha simisa isithuthi ngaphambi kwendlu yeli gqirha.

Ndiphefumle kakhulu, “Alichazi nto eli nqaku.”

UBambatha unyanzelise ukuba ndidibane negqirha eli. Uqinisekile ukuba eli xhego lingandinceda ndibone oko kundiphosayo. Andiqinisekanga kangako.

Ndiziingenela ngokwam kuronta omnyama ngaphakathi. Igqirha lindilindile.

“Awukholelwa,” watsho.

Ibingengombuzo kodwa ndivumile kuye ukuba andikholwa.

“Awohlukanga kangako kum njengokuba ucinga. Ufuna iimpendulo, ndinazo iimpendulo .”

“Uza kundinceda?” Ndiyabuza.

Uyanqwala aqalise ukuhambahamba apha kuronta, ecacisa.

Igqirha eli lichaza yonke inkqubo. Yonke imihla kusasa, yena nabakhwetha bakhe bangena ehlathini ukuya kukha amayeza awasebenzisayo nokubonisana nezinyanya. Phambi kokuba bahambe, baqhunyisa impepho bazithuthe ngeziduko zabo, emva koko bacela imvume kwizinyanya ukuba baye ehlathini. Xa sele bewakhile lo mayeza, abakhwetha bahlela ze bahlambe amayeza, abekwa iimpawu, afakwe kwiipakethe zawo abhalwe ngokwemisebenzi yawo. Amayeza anokubangela umonakalo kwamanye amayeza abekwa wodwa kwamanye. Lawo afakwa ezintweni eziphungwayo okanye ekutyeni nawo abekwa wodwa.

Konke oku kuyacaciswa ligqirha ngenzolo ngeli xesha liqokelela iibhotile ezine kumathala akhe amayeza. Ibhotile nganye ibonakala ngathi inomxube owohlukileyo kwaye uyandibonisa zonke.

“Ngawantoni la?” Ndiyambuza.

“Ukukhusela, ukususaizinto ezimbi … uya kubona xa unokuwasebenzisa ngelinye ixesha. Kusoloko kuluncedo ukuba nawo,” waphendula.

Ndicinga ukuba ugqibile ndimbulele, ndifaka ezi bhotile kwiipokoto zebhatyi yam, kodwaxa ndijikayo ndisithi ndiyahamba, uyandimisa.

“Ndinento enye ekumele ndikwenzele yona,”watsho, etsala isiqulathi esincinane seplastiki kwithala lakhe eyibeka esandleni sam. “Isipho: iphupha lisisipho. Usele le nto ngaphambi kokuba ulale.”

“Ngokuba kutheni?”

“Uza kukubonisa le nto uyifunayo,” watsho. “Iphupha sisipho.”

Ndihlala ndizicingela, ndicinga ukuba ndiza kulisela. Emva koko nditshintsha isigqibo sam ndicinge ukuba mandilisele kwakhona. Ekugqibeleni, ndisela yonke lo nto ngethamo elinye. Ndiyangqengqa ndivale amehlo.

Xa ndiwavula, ndingasemlanjeni. Ndiyazi ndiyaphupha ngoku. Ephupheni lam, esi silo siselaamanzi emlanjeni. Ndisondelela phambilana siyeke, sibuyisela intloko yaso emva sifuna ukundijonga. Amehlo aso abengezela mhlophe ekukhanyeni kwenyanga ekhanyayo. Emva koko sincume. Onke amazinyo aso ayabengezela ngokufanayo nezityalo ze xa sijikayo sisela amanzi, amazinyo aso abonakala phaya emanzini. Andazi ukuba kuthetha oku kodwa ndiva igama elithi ‘Chasa’ engqondweni yam. Andazi ukuba ngubani obani igama lakhe. Livakala kum emoyeni.

“Chasa,”ndatsho. “Chasa?”

Kwesi sihlandlo isilwanyana sijikela intloko yaso ngakum. Sirhubuluza ngesisu sihamba emlanjeni siqalise ukundilandela. Ndiyajika ndibaleke kodwa ngokukhawuleza xa ndibeka inyawo ngaphambi kwelinye, ndiva kukho into enditsala kabuhlungu phakathi ngasemva entanyeni yam ze ngephanyazo, ndivukile.

Ndisihla izithukuthuku, ndiphuma nditsiba ezingubeni. Ndinxiba ibhatyi yam ndibaleke ukuya kuronta kaBambatha. Ndizibethekisa ngamanqindi am elucangweni. Xa uBambatha efika ngaselucangweni, uzosula amehlo ngenxa yobuthongo.

“Ndiyayazi into eyenzeka ezityalweni. Ndiyayazi nento eyenzeka ebantwini, ukuba kutheni abanye abantu begula abanye besonzakala. Kufuneka siye emlanjeni – ngoku!”

* * *

Khawusichazele ukuba ucinga ntoni: Yintoni abaza kuyifumana emlanjeni uNomfundo noBambatha?