Eli bali lingumxube wobuxoki kwakunye nenyani-“okuyinene” Licacisa ngokuthe ngqo ngefuthe ngexesha apho amaqabane omzabalazo amnyama ayesahambela phezulu: ngexesha apho uMzantsi Afrika waqalisa ukufumana inkululeko njengelizwe.
Umbhali lo, uBhekisisa Mncube, ngokwenene waye eliqhawe elitsha lomzabalazo, kwaye wahlala emile kumbono wenene wokuqala we-ANC weliya xesha. Ngoku unguMphathi kwicandelo lokubhalwa kwentetho kwakunye nesiseko kwiSebe lezemfundo yabasaqalayo (Director of Political Speechwriting and Content at the Department of Basic Education. Uyakulikhumbula igama lika David Makhura apha ebalini. Waye eyinkokheli ngexesha lobutsha bakhe ngenene kwaye namhlanje uyinkulu-mbuso yephondo laseRhawutini. Ngoko ukubunjwa kwebali kwakunye nombutho lo yinto eyinene, kodwa eli libali nje.
“Lixesha lethu,” watsho uWilfred osemtsha ngexesha aqulunqa amacebo akhe xa wayesiya kuchitha impela veki eBhayi kwingqungquthela yabafundi. Lixesha lokwenza amacebo aqinileyo ukuzama ukuguqula isimo semfundo baze bayile imfundo siseko entsha engenabuhlanga, kwaye engacaluli ngokwesini. Lelo xesha ngoku. “Iinkokheli zethu ezisuka eRobben Island ngoku zilawula ilizwe. Thina njengabasafundayo kubo, thina siphethe ulawulo lwezabafundi kwiikhampasi ezahlukeneyo. Kukho amandla amatsha elizweni njengokuba umoya wenguqu ugubungela ilizwe. Ngamaxesha amnandi la kuthi. Kuphethe thina!”
Kodwa isekwalixesha lokubhiyozela ukuphela kwenkqubo yobandlululo engcolileyo:” “Kumele sijuxuze ngokungathi yimini yokugqibela le! Asikhange sizabalaze nje ukuze sibe ngabantu abanomdintsi, abadala ngokungathi singala madoda aphuma eRobben Island,” watsho uWilfred.
Ngubani owayenokungavumi kulo maqhawe matsha athandekayo nawayezixelele ukuba afanele kukuxhamla ulonwabo?
Kodwa njengokuba ibali liqhuba, umbhali uveza imiba esenza singakwazi ukuthula. Phofu, kubafundi banamhlanje le miba yenza ukuba singathuli-kanti ngeliya xesha abantu abafana noWilfred lo, uVukile kwakunye no-Andiswa babengacingi kakhulu ngeziqu zabo.
Njengokuba isiphelo sebali sibonisa, uBhekisisa Mncube ufuna ukusijongisa ngasemva, sijonge imbali yethu sibone izizathu ezibangele ukuba siphele sineengxaki ezinzima ekuhlaleni nakwezo zopolitiko jikelele elizweni namhlanje.
Le miba inento yokwenza nobuninzi bezinto, iyantlukwano enzulu ngokwesini kwakunye nendlela yokuphakamisa ubudoda, ukuxhatshazwa nokuselwa ngamandla kotywala, kwakunye nobuqhophololo. Njengokuba sifunda, siyamangala ukuba kazi esi similo sika Wilfred kwakunye namaqabane akhe siyakuphelela phi, ngoku nakwixesha elizayo. Ngoku siqalisa ukuyiqonda kakuhle le nto, apha ku 2021 sizibhaqa sinabapolitiki abazizityebi kunye neetshomi zabo, isifo esibi sokuphathwa kakubi kwabantu ngenxa yesini sabo, ubuqhophololo obungaphaya, ingxaki yotywala nephinda ibe ngunobangela wokuzalwa kwabantwana abangenayise okuxhapahakileyo, ekungafanwe kuthethwe ngako. Kwaye nabantu abaninzi kwilizwe lethu basahluphekile.
Siqaphela ukuba kunzima kangakanani ukugcina amandla ezopolitiko kwakunye nokuguqula ngokuthembekileyo ukuhlala kwethu ukuze kuzuze wonke umntu.
Oluya calulwano ngokwesini lwalusenziwa zeziya ‘ngonyama zintsha lubaxekile ngokwemeko yanamhlanje. Bathetha ngabafazi oku ngathi bathetha ngezixhobo nje zokusetyenziselwa ukwabelana ngesondo, zizinto nje zokuzingelwa: “Nkosi yam, ndiyakholwa ukuba ngokuhlwanje siza kwahlula amakhwenkwe emadodeni. Siza konwaba namantombazana…lixesha lethu lokuzalisekisa eyona minqweno imdaka. Ukungazingeli ngumthetho: abangaphantsi kwethu ngabo abasizingelelayo. Sidle. Sifuna nje ukuvela sifumane…”
Olu uhlobo lwesimilo lungabasela iingxaki ezimbi kakhulu…ezifana nobundlobongela ngokwesini.
Kweli bali asifumani nokuba ibenye inkokheli okanye ummeli wabafundi olinenekazi. Abafazi basoloko bebonakaliswa ngu Wilfred ngokungathi “zipakethe’ ezintle nje ukuba ubani azinqwenele. Kodwa noxa ucalulo lwesini nemikhwa yokuphakamisa ubudoda isaxhomile eMzantsi Afrika singavuyiswa yeminye imizamo emihle. Namhlanje sinenqwaba yeenkokheli ezintsha ezingabantu basetyhini. Cinga ngoqhankqalazo obelukhe lwakho lwe-“Fees Must Fall”, obelukhokelwa ngabafazi abatsha abafana nooShaeera Kalla, uNompendulo Mkhatshwa, uNaledi Chirwa kwakunye no Alex Hotz.
Apha kukho into ebalulekileyo eveza ukuba kutheni u “Iiyure ezingama -72- eBhayi” evakala eyinene, kwaye ekholeleka. Umbhali lo, UBhekisisa Mncube, sele ebhale incwadi kwaye ukhe wathetha nakunomathotholo echaza ngobomi bakhe bokuxhaphaza ngokwesini kanti nangobundlobongela ngokwesini. Kwincwadi yakhe ethi: The Diary of a Zulu Boy, “uqwalasela ubomi bakhe njengesithandwa, umyeni, utata ngaphezu eyona nxalenye yobomi bakhe, njengomntu obexhaphaza –yimbali enyanisekileyo elandela ubomi bakhe ukusukela ebuntwaneni ukuza kuthi ga namhlanje. ( BHEKISISA MNCUBE(702.co.za)”
Kodwa ke, qaphela ukuba oyena mntu wasetyhini omnye apha ebalini, uAndiswa akabekwanga njengexhoba. (Ngaphandle kokuba singathi naye ungunobangela wokuzicinezela naye) Uyakuvuyela ukuhamba noWilfred, aphinde akhethe ukuhamba noTshepo. Azibhatale ke ngomsebenzi wakhe kuye ngokuba iwalethi yakhe. Umbhali akafuni simohlwaye kabuhlungu apha uAndiswa. Uthi ‘tshotsho’ kuTshepo.
Kodwa owona myalezo ungundoqo uvela kumazwi kaChris ngoku sele emdala. Uyichaza imeko yokuwa kwakhe uAndiswa ngokuba ibangelwe kukuzenza inenekazi elixhomekeke emadodeni. “Kodwa ndinoloyiko lokuba iya kuhlala ibatya le meko abantwana babantwana babo. Intombi kaAndiswa, uNokuzola, akasoze adibane notata wakhe. Kwaye asinguye yedwa…” (Khumbula ke ukuba abantwana abaninzi bakhuliswa kakuhle ngabafazi abangatshatanga. Kodwa ukuzama ukuba amadoda abe nenxaxheba ebantwaneni bawo yingxaki enkulu ekuhlaleni.)
Utywala bubo obubasela izimilo zezi ngonyama zintsha: “Sithenga ibhokisana zokubandisa ezilishumi kwakunye nedampi zotywala ezingama 240 zebhiya ezahlukeneyo-imiyalelo esuka kumaqabane…asisengabo oogqa-mehlo babazabalazi baphambi ko-1994, kodwa amadoda aqhutywa ngamandla obudoda, abazintyintya ngebhiya nabanxanelwa amandla okuphatha asemva kwenkqubo yocalulwano nabazibona benelungelo elingaphaya kwimizimba yabafazi.”
UWilfred ukhangela ajonge emva: “Thina, njengeengonyama ezintsha, sisuse amehlo ethu ebholeni. Sajuxuza kwakhala abantu, siqinisekisa ukuba injongo zethu ziya phumelela, sithathelwe apha ngabantu bethu.”
Sifunde ukuba uTshepo waba lixhoba; ngokunjalo noVukile. Uswelekile. Okubonakalayo kukuba abakwazanga ukuhlisa imo yesimilo sabo. Ukuzintyintya ngotywala yeyona ngxaki ibalaselayo ngoku eMzantsi Afrika.
Kubalulekile ukuba siveze ukuba eyona nto imbi nenemiphumela emibi kwixesha lethu lokungakhathali , “abafazi… abaphuma bengena egumbini lam lokulala” Okuthusa nangakumbi, qaphela amanani othusayo okufa abangelwa yiKhovid …kunye neHIV ne AIDS”…Ukufa kwaminyaka le kwanyuka phaya koo-2005 kwaba kwisithuba sama 284 500 kwaza kwaqalisa ukuhla kwamanani “xa kukhutshwa ngokukhawulezileyo i-ARVs… HIV in SA: Seven graphs that tell the story • Spotlight (spotlightnsp.co.za)
Sithini ngobuqhophololo? Cinga ngendlela le ayithatha lula ngayo uWilfrend into yokuthenga ilayisenisi yokuqhuba. “Ityala lacinywa kuba umhlobo wam, omnye wamaqabane, iqabane le-MK landingenisa edolophini phakathi eThekwini, apho sobabini sathenga iilayisenisi zokuqhuba ekhawuntareni oku ngathi sithenga i-ayiskhrim esekhunini layo. Ezo layisensi zabuyiselwa umva zabhalwa unyaka ka-1995”
Le nto ingajongwa njengobuqhophololo nje obungenamsebenzi (Nangona ukuqhuba ungaqeqeshelwanga kona kungaba nemiphumo ebulalayo nje). Ekuqalekeni, xa amaqabane ayengxamele ukufumana amaqithi-qithi eza nenkululeko ayophula nemithetho ngakumbi, elindele izisulu ezininzi. Jonga indlela eziphele ngayo iimali ezinkulu izigidi ngezigidi zokuphucula nokwakha ziphele zingena ezipokothweni zabantu abazana nabantu abathile.
UWilfred no Chris bona baba kweli cala libhadlileyo lale mpambano yeminyaka emibi yangaphambili basebenzela okuhle ekuhlaleni. Baye bazenzela ikamva elihle.
Bangabantu esinokubukela kubo okulungileyo, njengoko kusitshiwo, akukho nto kuloo nto imbi ngaphandle kokuba abantu abalungileyo basebenzela ukulwa ububi obusekuhlaleni kwakunye nobuqhophololo.
*****
Khawusixelele: Ingaba uyalwa na nobuqhololo obusebomini bakho? Umzekelo, ingaba wakha wazibhaqa unyanzelwa ukuba unyobe? Ukuba kunjalo, wenza ntoni wena ngaloo nto?