Sekuyiminyaka ndizibuza ukuba liyilwa njani ibali elenza umdla.

AphakwaNoqabaka, indawo esemaphandleni, ndifunde ukubalisa ibali ngokuyekelela umxakatho ibali lizibalise ngokwalo, ngokusebenzisa isilinga sebhanyabhanya (ivideo camera, ngolwasemzini). Ibali liqhubekeka ngaxesha-nye ndishicilela iziganeko eziqhubeka kule lali. Ndithetha nabalinganiswa ngezinto ezenzekayo nendizixelelwa ngabo. Banegalelo abalifakayo kweli bali.

Nantsi indlela eliqala ngayo ibali – ngezinto endizibonileyo nendizixelelwayo.

Usuku 1
Yimini engakhethekanga kwiikhalenda zethu le, kodwa wonke umntu uxhabashele kwindawo ekhethekileyo – komkhulu – beya kutyebisa amehlo kwikumkani yabo entsha. Iimpukane eziluhlaza zithi le kumkani ibukwayo ngumfo oze ngobuso ezweni, sisindwebi sasedolophini. Akafani tu noyise.

Kwinqugwala  likaNolungile, umphongoma womsi uphuma uthaphuza ngeefestile ukubheka phezulu. zithontelana zi UNolungile lo yinkondekazi i eneminyaka engamashumi asibhozo anesihlanu, ehlala nomzukulwana wayo u-Onikwa. Eli xhegokazi liguqe ngamadolo likhwezela umlilo eziko. Libile limanzi, lifudumeza amanzi ngembiza emnyama emilenze mithathu.

Kude kufuphi, ebumelwaneni, kukho umfana onxibe iimpahla zobukrwala ezinombhalo ka’Navada pha naphaya. Wayame ngesango lokungena elenziwe ngeepali zeplandeshi, ezigawulwe kwihlathi elimnyama elikwiNtaba Yethemba. Ukhwaza u-Onikwa ephakamisele ilizwi ukuba lifike kuye. Kukho apho kufuneka bayekhona, ngokukhawuleza, bengabonwa.

USintu, ikumkani entsha, uhleli ezinyaweni zeNtaba Yethemba, kufutshane nomlambo. Ucinga ukuba ubambeke phakathi kwephupha elibi. Ulinde engenamonde ukukhululeka kwakhe. Ukhumbula emva edolophini. Ufuna ukumka apha.

Qho efika kwiNtaba Yethemba usoloko evala ngci amehlo akhe enethemba lokuba uyakuthi ewavula azibone eqakaduula kwindledlana zedolophu ezakhelweyo. Angazamkela nezixholoxholo zedolophu ngovuyo. Izinto zasentsomini ziphelela entsomini. Le nto iyatyhileka rhoqo evula amehlo akhe athi mandla ngamadlelo aluhlaza yaka apha kwaNoqabaka. Akusadiki nje apha, utsho ngaphakathi.

Igquba loo nolali lithontelana komkhulu. Intsholo yamazwi abo ifikelela ezindlebeni zikaSintu, ayamkhweba ukuba asondele ukuze bakholise amehlo abo.Ebefutheka ekhathazekile uSintu. “Ixesha lisondele.” Urhuqe iinyawo ukuya kubantu bakhe, edakumbile emphefumlweni.

Ngeli xesha lingamyolelanga uSintu, uBantwini – lo ebekhwaza efuna ukukhatshwa – no-Onikwa banqumla ihlathi ngendlela esinga kwidolophana ekufutshane nelali yabo, bezimela ngamathunzi. Apho basinge khona yimfihlo yaye kufuneka bangabonwanga mntu.

 ***

Sixelele: Ungathanda ukuba ngowasebukhosini, ubonwe njengomntu ongaphezulu kunabanye abantu ngokuzalwa, umntu onoxanduva lokukhusela izithethe namasiko? Zathuza.