“Angeza kudlala nam uJake?” uThoko wabuza uMama. “Ngoyena mhlobo wam ndimthandayo,” utshilo.

“Kulungile,” watsho uMama. “Ukuba nje uMakhulu akasayi kukhathazeka ukunijonga nobabini lo gama mna ndisemsebenzini, oko akusayi kuba yingxaki.”

“Ayinakundikhathaza tu loo nto,” watsho uMakhulu. “Nam ngokwam ndandinomhlobo endandimthanda kakhulu ogama linguBossy Boots.”

“Ligama elingaqhelekanga nelihlekisayo elo,” watsho uThoko.

“Wayeyintombazana ehlekisa kakhulu,” watsho uMakhulu. “Xa sidlala sobabini wayesoloko efuna ukuba nguKumkanikazi uZipeqengeshe noKumkanikazi uZibanibani. Mna ke ndandisoloko ndisisicaka esithunywayo nesibhekiswa ngapha nangapha.”

UThoko, uMama kunye noMakhulu bayihleka kakhulu le nto.

Ngosuku olulandelayo, uJake weza kudlala. Kuqala badlala umdlalo weteksi. UMakhulu wabavumela ukuba benze iteksi ngezitulo ezibini zasekhitshini.

“Mna ke ndiza kuba ngumqhubi,” utshilo uJake.

“Mna ke ndiza kuba yithawutha ekhwaza iCape Town! Ndiqokelele nemali,” watsho uThoko.

“Ke mna ndiza kuba ngumkhweli,” watsho uMakhulu.

UJake wahlala kwisitulo esingaphambili somqhubi, uMakhulu yena wahlala kwisitulo esingasemva waza uThoko yena wakhwaza iCape Town! wazinyanzela naye eteksini. UMakhulu wanika uThoko iilekese eziqhwethayo ezimbini nabazenza ngathi yimali.
Thoko’s best friend

Kwakamsinyane babesele begalelekile eKapa waze uThoko wakhwaza esithi, “Wonke umntu makaphume!” UMakhulu waphuma waze uThoko wabelana noJake ngeelekese eziqhwethayo.

“Siza kudlala ntoni enye ngoku? kubuza uJake.

“Masidlale uloliwe,” wacebisa ngelitshoyo uThoko.

“Kufuneka sibe nezitulo ezininzi zokwenza uloliwe,” kutsho uJake. Basebenzisa izitulo zasekhitshini ezithathu. Esinye yayisesomqhubi kaloliwe, esinye isesomkhweli saze esokugqibela yaseseebhokisi kunye nezilwanyana.

“Ndifuna ukuba ngumqhubi kaloliwe, “ watsho uJake.

“Ndifuna ukuba nguMakhulu oya kundwendwela usapho lwakhe eGoli,” utshilo uMakhulu, ehlala phantsi kwikhareji labakhweli.

“Ke mna ndiza kuba yinjana encinane ehleli kwikhareji lokugqibela,” watsho uThoko.

“Khuu-tshu! Khuu-tshu!” watshutshuza uJake, njengokuba uloliwe ephuma esikhululweni.