“Nonke bethu!” wakhwaza watsho uTin. “Masibhiyozeni! Okanye ingaba nifuna ibhendi iWe Can ize kuninceda?”

“Ewe, ewe!” yakhwaza yatsho inginginya.

UTin walaqaza. “Iphi ibhendi? Yho! Andiyiboni nangotshengele. Ayinguwo umbhiyozo ngaphandle kwebhendi. Ndiza kudinga uncedo. Liqela lodwa elingafezekisa eli phupha!” Wancuma uTin ejonge kuloo nginginya yabantu. “Okokuqala, ndiza kudinga ababethi bamagubu ababini.”

UNeo noHope babengabokuqala ukuphakamisa izandla zabo. Bathe bakuqabela eqongeni uTin wabathatha wabasa ngakwiinkonkxa ezine ezinkulu zekofu ezazineziciko zeplastiki. Iinkonkxa zazihonjiswe ngephepha elimibala igqamileyo kunye namaqhosha. Kwakukwakho neentonga zokubetha uNeo noHope ababeza kuzisebenzisa.

“Ngoku sidinga inkatshaza,” watsho uTin.

“UJosh! Chonga uJosh!” Wakhwaza watsho uNeo.

“Ingaba ukhona umntu onguJosh apha? Uphi uJosh? Makancede eze apha,” wahleka uTin.

UJosh waphakamisa isandla sakhe. Amadoda amabini aphakamisa isitulo sakhe esiqhutywayo esinamavili asisa eqongeni.

“Wamkelekile Josh, watsho uTin. “Zama ezi nkatshaza zimbini.”

UJosh wahlukuhla eyokuqala waphinda wahlukuhla nenye. Zazinezandi ezahlukeneyo.

“Kwakuhle,” watsho uTin. “NGOKU MAK….”

Kodwa ngaphambi kokuba agqibe, kwavakala ingxolokazi ekhenkcezayo. Wonke umntu wajongajonga efuna ukubona ukuba inokuba yintoni.

UNoodle wangena waqonda eqongeni erhuqa emva kwakhe iitoti ezazibotshelelwe ngomtya.

“Iitshaym!” wakhwaza uTin. “Bendiba ndizilahlile.”

Wabaleka waya eqongeni uBella. “Noodle!” wakhwaza. UNoodle wabaleka waya kuBella neetoti zikhenkceza emva kwakhe.

“Kulungile,” watsho uTin ehleka. “Ndicinga ukuba uNoodle naye ufuna ukubayinxalenye yebhendi iWe Can. Yaye ndicinga ukuba ufuna ukusijoyina,” watsho ekhomba kuBella.

UTin wancedisa uBella ukungena eqongeni yaye bekunye bakhulula iitoti zeetshaym emzimbeni kaNoodle. Emva koko uBella noNoodle baya kuma ecaleni kukaNeo, uHope kwakunye noJosh.

UTin wadlalisa isiginci wathi, “MAWUQALISE UMCULO!”

Njengoko uTin wayekhomba kuNeo noHope, baqalisa ukubetha amagubu. UTin wacula, “Unyawo lwasekhohlo emva,” wabuya wakhomba kwinginginya.

“Unyawo lwasekhohlo emva,” yacula inginginya.

Okulandelayo uTin wakhomba kuJosh owashukumisa iinkatshaza zakhe ngaxeshanye ehambelana nesingqi.

“Unyawo lwasekunene emva,” wacula uTin.

“Unyawo lwasekunene emva,” yacula inginginya.

UTin wakhomba kuBella. Umqolo weetoti zenza ingxolo emyoli njengoko uBella wayezijiwuzisa ezingqubanisa enye kwenye. UNoodle wakhonkotha yimincili.

Kungekudala umbhiyozo wawuqhuba. UTin wayecula ingoma yakhe ngelixa uNeo, uHope, uJosh noBella nabo babedlala izixhobo zabo zomculo.

Imvumi nganye yacula ingoma yelizwe layo. Inginginya yayivuya iqhwaba izandla. Bayithanda inkqubo!

“Niyaboba,” watsho uTin kwibhendi yeWe Can, “eli qela lincinci libe luncedo! Ndiyabulela kwesi sine … nakuNoodle, wonke ubani uwonwabele umbhiyozo!”