UNeo, uJosh kunye noHope, bonke babesendlwini kaGogo. Babethetha behlekela phezulu kumnandi.

“Shhhhh!” watsho uGogo. “Andiva ukuba bathini kunomathotholo. Yizani, sonke masimameleni inkqubo yam endiyithandayo.”

Wonke umntu wathi cwaka kwamanyelwa. Ngesiquphe beva umsasazi ekhankanya igama lepaki yabo.

“Wow! Ipaki yethu yindumasi!” watsho uNeo.

“…kwaye uTiniso, owaziwa ngelikaTin, uza kuba esenza inkqubo epakini ngale mvakwemini kunye neBhendi iWe Can. Iimvumi ezivela eZimbabwe, eNigeria naseMalawi zizakuba zithatha inxaxheba. Wonke ubani wamkelekile ukuba abeyinxalenye yalo mbhiyozo!” watsho umsasazi.

“Gogo,” watsho uNeo, “Uvile? Bathi wonke ubani wamkelekile. Sicela ukuya?

UGogo wajonga uNeo wancuma. “Ukuba ngaba uJosh noHope bayavunyelwa ukuba bahambe, nawe ungahamba,” watsho uGogo. UJosh noHope babesele bengaphaya komnyango ngokuphazima kweso ukuya kucela imvume kubazali ukuba babe yinxalenye yombhiyozo wasepakini.

Bathi xa bebuya beze kuthatha uNeo, uHope waxelela uGogo ukuba uBella nomama wakhe nabo bayaya.

“Kulungile, nawe ungahamba ke. Nihlale nikunye,” watsho uGogo.

Epakini, uNeo wabona uBella nomama wakhe kwankqu noNoodle wayezile! “Ndicinga ukuba wonke umntu wengingqi yethu ulapha,” watsho uNeo. “Kukho nabantu abatsha kananjalo.”

“Mamela …” watsho uJosh. “Ingaba abanye baba bantu bathetha isiFrentshi?”

“Ewe!” watsho uHope. “Kwaye ndiva nesiChichewa naso nesiShona.”

UNeo wathi xhakamfu ingalo kaHope. “Jonga,” watsho, uTin useqongeni! Kodwa iphi ibhendi iWe Can?”

Ngaphambi kokuba uHope aphendule, uTin wasondela ngasembokweni. “Molweni!” watsho. “INGABA SELE NIKULUNGELE UKUQALA LO MBHIYOZO?”

“Ewe, ewe!” yakhwaza yatsho inginginya!”

UTin waqalisa wadlala isiginci sakhe. “Phindani emva kwam,” watsho njengoko eqalisa ukucula. “Unyawo lwasekhohlo emva.”