Uyazi, mna ndicinga ukuba uzilambele nje.
Umama amtyise uTinu. Kodwa…
Nyhwe! Nanko ekhala kwakhona uTinu. Umtyisile nje, ngoku usakhalela ntoni?
Kaloku ngamanye amaxesha, iintsana zidinga nje..
UKUBHODLISWAAA!
Izihlobo nezizalwane zifuna ukumbona, kodwa uTinu akakaze abe sendaweni enabantu abaninzi
NYHWEEE!
Umama uthatha uTinu aye naye ekamereni apho kungekho ngxolo.
Ngokuye ixesha lihamba, uTayo ufunda ngezikhalo zikaTinu ukuba zithetha ukuthini na.
Kwaye akasabonakali ehlupha kangako noko. Bade bayakwazi nokudlala kunye.