Bangene kwiipokotho zeraki bekhangela izitshixo zamahanbhoyi, bamkhulula uAdelle. Indoda yaseHyena iwathathile yabopha izandla zeraki ngasemva komqolo.

‘Inzima le mack’ iye yatsho. ‘Ninethamsanqa ngokuba niye nandifowunela phambi kokuza apha nizenza amagorha.

Phambi kokuba beze endlini yeraki, uSbu wayiye wafowunela indoda yaseHyena wayixelela yonke into. U Airtime wayengavumi-kaloku uK8 wayeyifak’itaser lendoda. Kodwa uSbu waye wathi lendoda yase Hyena nangona inengcwangu, yayizama ukukhusela uAdelle.

Ekuba beyifowunele, yayikhe yaqala yabathuka imizuzwana engephi, kodwa kwathi xa uSbu eyixelela ukuba bayamazi umntu othimbe uAdelle, yamamela.

Emva kokuba itshayintile epha endlini, ijonga ukuba akukho bungozi, lendoda yaseHyena iye yecwaka. Mhlawumbi kaloku yayisazi ukuba iphoso lokuthinjwa kukaAdelle kwakulele kuyo.

Baye bawalindela phandle amapolisa neambulensi, kaloku ivumba lalisitsho kanabomi ngaphakathi endlini. Ingalo kaSongezwa yayophukile, uAdelle esephethwe ngumothuko nangona waye vuya.

Ngelixesha besalindile, uSbu uye wamnika icellphone yakhe, emxelela onke amahla ndinyuka abadibene nawo kwiinzame zabo zokumkhangela. Uye wagcwalisa ngayo yonke inkcukaca.

U Adelle wayeze eMzantsi ezokuphanda ngendawo awayezakuyidlala kumboniso bhanya bhanya omtsha owawuzakwenziwa ngelokishi. Ngemini yakhe yokuqala efikile, waye waba nodliwano-ndlebe nentatheli yeDaily Eye. Yayi yibone yonke imibonisa bhanya bhanya yakhe, ithe phithi kakubi nguye, imlandela yonke indawo ahamba kuyo.

Inkampani yakwaHyena yayimkhusela kuye kodwa isoloko imnqanda ukuba aye kwezinye iindawo. Waye wabazimela ngobunye ubusuku efuna ukubona ubomi baseMzantsi. Waye waqhuba ejikeleza edolophini, wade wafika kwipati apho adibane khona noSbu. Kodwa uthe xa ebona ikuba lendoda imlandelayo ikhona, wahamba ngokukhawuleza phambi kokuba kufike oorhata.

Waye funa ukubuyela kwindlu yembadla, kodwa lendoda yaseHyena ayamvumela, yaya ngokwayo. Yagwajisa uBulana xa esithi akayazi i cellphone.

Ngelixesha ingekho ehotel lendoda yaseHyena, iraki yaye yamthimba. Ithe yakubuya lendoda yaseHyena, yathathukuba lendaba yokulahleka kwe cellphone ibiliqhinga lokuyisusa endleleni. Yiyo lento yayisola uSbu.

Into yokugqibela UAdelle ewayefuna ukumxelela yona uSbu, waye nomntu emva eFrans.

Pha embadleni, wayefuna ukuzimamela,efuna nje ukonwaba.

Zamdanisa ezindaba uSbu.

Ibali seliza kuphela,imfihlo isonjululwe. Ulithandile? Ziziphi ezona ndawo ozithandileyo?