Ndihlala KwaMashu.

Ndafika KwaMashu ngo 1963, ngela xesha yayiyilokishi entle. Ngelo xesha kwakukho iisection ezininzi ezazenziwe ngezitena. Kodwa, eyethu isection, yayibizwa ngokuba yisection D, yayenziwe ngamaplanga.

Ngamanye amaxesha usapho beluhlala egumbini elinye. Kusapho lwam sasibathandathu, sihlala egumbini elinye.

Abantwana abaninzi abahlala esection D babefunda eIsibonelo kwisikolo semfundo ephakamileyo esection F. Xa ndandikwibanga lesixhenxe ndikhumbula into enika umdla eyenzekayo esikolweni.

Ngenye imini inqununu yesikolo yathi emigceni yokuhlangana, “Ndinebhongo kakhulu ngesikolo sethu, kuba abanye abantwana abalapha baphuma kwilokishi yamaplanga, apho bahlala bebaninzi egumbini elincinane. Kodwa abazali babo bazama ngazo zonke iindlela ukuze bazise abantwana babo kwesi sikolo. Ndibanovuyo xa ndigqitha ezindlwini zabo ngemoto ndibona iiyunifom zabo eziluhlaza na golide zonekwe ecingweni.”

Nanamhlanje oku ndisayikhumbula into eyathethwa yinqununu. Babumnandi ubomi KwaMashu ngezo mini.

KwaMashu