Baye bangena oonyana bakhe bephethe ezakhe zantle izityalo. Bafika bahlala kwizitulo ezingaphambili komntu wonke apho bazibeka phambi kwabo. U Lukhanyo yena wangena efumbethe isandla esinye, intliziyo yophukile kakhulu kunakuqala. Yena zange ayokuhlala caleni koobhuti bakhe, wahlala ecaleni kuka mama wakhe apho wabeka intloko yakhe egxeni lakhe wabe isandla efumbathe lembewu eziinkozo ezimbini ebezinikwe ngu Tata wakhe.

Waba waye waqala ngomdala unyana wakhe wambiza.

“Zamile!”

“Tata,” waphendula.

“Sondela undinike into ebendikuthume yona,”

Izityalo ezimbini awayeziphethe wazibeka phambi kwetafile eyayiphambi ko Tata wakhe wajika wayokuhlala phantsi.

“Nangokunjalo Abongile,”

Wasukuma wayomnika, wazibeka phezu kwe tafile naye wayokuhlala phantsi akugqiba.

Indlu yajongana yonke ukuba uzasukuma athini yena unyana omncinci. Nanku unyana elele kumama ozala umama wakhe, abanye bona bangaphambili.

UTata wakhe waye wambiza uLukhanyo ukuba makamnike naye into ebethte amphathele yona.

Wajonga umakhulu wakhe wakugqiba wambonisa lento ayifumbethe esandleni. Wambamba umakhulu wakhe wambeka esifubeni.

“Kulungile, ngu Tata wakho uyazi ukuba kwenzeka ntoni. Wena nje hamba uyomnika lento ebekunike yona, futhi ukhumbule ukuba uyakuthanda uTata wakho, ngekhe akunike into kanti ufuna ukuhlekisa ngawe. Wena hamba uyokumnika lembewu yakhe ingakhuliyo.”

Wasukuma uLukhanyo wajonga abantu bonke abasendlini, wakugqiba wahamba wayokunika uTata wakhe lembewu ebemnike yona engakhuliyo. Wakugqiba wayokuhla phantsi naye.

UTata wabo wasukuma wabulele kubantu bonke abazile apha ukuzokuvuyisana naye kunye nomnya wakhe ozakuthi aphumelele, awunikele ezandleni zakhe umzi wakhe. Yena into awayeyifuna kukubona ukuba angabathemba na oonyana bakhe xa ethathe amatye awaqabe ngemnyama ipeyinti, ajike abanike ukuba mabayowatyala, ukuba bazakubuya bephethe ntoni na.

Ngenxa ke yokungathembeki baye hamba kuba becingela ukuba bona bazi nto ukudlula umntu wonke, balibele ukuba kuthiwa inyathi ibuzwa kwabaphambili.

***

Sixelele: Ucinga ntoni ngelibali?