Amandla endoda endala enxilileyo ndingakwazi nokuzilwela. Kwakungathi umhlaba undigubungele uThixo undizele ngomva. Ndibangathandaza ndicela kuMdali andithumelele noba ngumyalezo ukuba ndenze kanajni kodwa uThixo kwakungathi xa esiva owam umthandazo uvala indlebe. Ingaba siyintoni na esam isono bawo lento owam umthandazo uphelela emoyeni, ndenze esiphi isono lento owam umthandazo ungenakuphenduleka, lento esam isono singenakuxolelwa sihlanjululwe emehlweni Akho bawo.

Ingaba undigwebela izono zikaMama okanye lento ndasuke ndamshiya ndayakumthengela into yokutya, ingaba ukufa kwakhwe ukubeka ezandleni zam? leyo ibiyimibuzo ebendiyibuza kuThixo xa sele ndithandaza. Ndandisoyika sele endiphathele ukutya kuba ndandingazi ukuba ucinga ntoni ngalomzuzu.

Wabuya ngolunye usuku endiphathele amanzi nokutya, wathi mna andenzi nto kulomzi ndiyatya kuphela. Eyona ndlela ndizobhatala ngayo kuzonyanzeleka ndimane ndivula imilenze. Ndazama ukulwa nangolosuku endikhulula impahla emva kokuba ndityile esithi noko ngoku ndinawo amandla okumnika lento ayifunayo.

Ndibangazama ukuxhathisa wasuke waza nentambo wandibophelela izandla wazixhoma phezulu waqala ukwehla esenyuka endidlwengula. Ndazixelela ukuba ndizokhe ndimbuze ukuba lento ayenzayo uyenziswa yintoni wasuke wandgibisela ngedlwabevu lempama, wandixelela ukuba lo ngumzi wakhe. Andaphela mandla ndambuza umama wamngcwaba phi na, kwaye wamngcwaba phofu okanye wamlahla edamini.

Lowo umbuzo zange andiphendule, wasuke wandijamela. Ngalomini wandishiya endixhome phezulu ndijinga ngezandla. Kum kwasuke kwabonakala ukuba ndizakuba sisigqila sokulalwa lixhego lendoda ndineminyaka engephi. Wayengayenzi impazamo yokushiya izinto ezibukhali ezifana nebhotile namacepha, necephe endandisitya ngalo yayileleplastiki. Ndindikhangla kwanto engathi ibukhali kweligumbi kodwa ndingayifumani.

Kwathi ngosuku olulandelayo wafika ethenge ilokhwe emhlophe enegqabi esifubeni, wandinxibisa. Wanyuka wabuya netyesi egcwele ukutya okumnandi neCake, esithi namhlanje sizotshata. Ndambuza njani umdala kangaka kwaye andinalo nothando lokuba ndingatshata nawe ikakhulukazi emva kwento ondenza yona kwaye mna bendikuthatha njengomzali wam, wasuka wakhupha umsesane wandinxibisa ngenkani wathi ukuqala namhlanje ndingunkosikazi wakhe.

Kwaye ukuba ndiyakwala oko uzakundidibanisa nembumbulu entloko, ndamxelela kunokuba ndiphile ubomi bentshontsho eloyika ukhetsha kungcono enze njalo, wandibphuza ngenkani esithi masitye naku ukutya akasazuphinda axoxe lonto yena. Kulapho ndaqaphela khona ukuba ikhona into edibene nokungabhadli ngalotata. Wayendityisa ngokwakhe kuba izandla zam wayezibophele ngasemva nenyawo lam leli linomqokozo neqhaga ubotshelelwe kuleNtsika yeligumbi.

Ndandiwuvala umlomo kuba ndingafuni ukutya kodwa ndabe ndisiva iphango lindiphethe. Ndathi ndisatya njalo ndavele ndafikelwa bubuthongo obukhawulezileyo ndaphelelwa ngamadla. Okwenzekayo zange ndikuve kuba ndandingekho zingqondweni. Kodwa yona ilokhwe yayingasekho mhlophe, yayilijaja namahlwili. Kwabe kubuhlungu amazantsi esingqa. Kwabonakala ukuba ngoku kuzoqala ukubanzinyana kulendlu ngoba lomntu unako ukubaTem-tem kncinci.

Kwadlula nje iveki lotata endiphumzile kulento yakhe, emana ukuzisa ukutya kuphela apha egumbini lam kunye namanzi okuhlamba, waza kum esithi kungekudala uzondiphathela umlingane. Ndandingasenawo nomdla wamane ndimbuza imibuzo kuba niyazi ukuba izophelela ngokubethwa. Wonyuka waya endlini phezulu wabuya nempahla ezicocekileyo namanzi okuhlamba. Wamela kudana wathi mandihlambe ndinxibe ezimpahl andiphathele zona.

Ndahlamba ndanxiba wasondela wandibophelela emvakoko waza nokutya, ndatya ndithe ndisatya wandixelela ukuba mandikhawuleze kuba ukhona umntu ozayo, ndabuza ngubani lowo kwaye ngekungcono ukuba ubuzondikhulula apha undiyeke ndihambe. Waphendula ngelithi kaloku ndingumfazi wakhe kwaye ndizolandela imiyalelo yakhe. Ndatya ndagqiba wathatha isitya watshintsha iingubo zebhedi wafaka ezinye ezicocekileyo.

Ndithe ndisahleli ekubeni ephumile kweligumbi ndaziva ukuba ndinko ukudinwa endinako wabe ebuya nendoda engumi wangaphandle, naye ndabe ndisamboni kakuhle ngoba kwakuvakala ukuba amehlo la anorhatyazo analo kwaye nam andikwazi ukushukuma ngenxa yokudinwa. Wafika wakhulula lobhuti wahamba utata endishiya nesisibhongobhiyane sendoda enuka amakhwapha. Kodwa zange ndibenawo namandla okulwa xa endikhulula ndaphelela ekungqandeni ngomlomo. Wakhwela enyuka ezehlela lobhuti kum, kwabe kungasaphumi nelizwi.

***

Tell us: What would you do if you were in Sisanda’s situation?