Yafika imini ebuhlungu yomngcwabo, yayizele intente ngabantu abanye ibatyekezele ngaphandle. Wonke ubani wayelapho wayenxibe impahla ezimnyama ngaphandle kwabongikazi babesebenza kunye noAmanda, babenxibe iyunifomu yomsebenzi. Kwakuvuthuza umoya omkhulu, abantu babesithi umoya kaAmanda noLinathi awuxolanga.

“Yhini! uNdlela aphulukane namalungu osapho akhe ngexesha elinye,” watsho ixhego lasekuhlaleni.

“Uzakuba yintoni ngaphandle koAmanda? Ibiyintsika leya futhi ingafuni nto ngoyise! Inene uJwarha ufulathelwe ngabaphantsi!” laphawula ngelo elinye ixhego lasekuhlaleni.

“Khona ngubani obulala abantu ngesihluku?” watsho ezosula inyembezi umama wayngu mmelwane.

Kumoshwe ngohlabela iculo ‘elithi lizalise idinga lakho”, uNdlela wasidubula isikhalo esikrakrayo nesiphula umoya. Wayekhala Oko mhlolokazi, uPhumeza wazama ukukhala kodwa zazingehli kukothuka nokudana.

“Umbulele umntwana wam! Uthi mandisale nabani?” “Wayecholwa phantsi eloxesha.

“Xola Jwarha! Xola nkunzi endala! Sukulila okwe ndoda engenakholo,” watsho umfundisi embetha egxalabeni.

“Ndiyakuzonda! Usisiqalekiso! Yilento unyoko wafa egqibo zala wena, umfazi wam wasweleka kwingozi yemoto eyolanda wena esibhedlele. Ulibhadi lomntwana!” waphelelwa ngumoya, kwanyanzeleka abalekiselwe esibhedlele.

Zaqenqeleka intsuku uPhumeza ezama ulungisa izinto noyisemkhulu kodwa kwaku ngalungi nto, wade wathathwa sisifo sentliziyo kungekho xolo phakathi kwabo. Kwanyanzeleka aphindele eMotherwell kuba wayengekho umntu omfunayo eDikeni, nditsho nezihlobo zakhe. UDanile noNozulu ababe gwetywe udilika-jele babengafuni nokumbona xa eyekufuna impendulo, kaloku zange aye enkundleni yamatyala ngeza ntsuku bekuxoxwa elityala libuhlungu.

“Inene ukuzenza akufani nokwenziwa! Uba bendinga thandanga mali, ngendingekho apha,” wayeshwabula esitsho maxawambi.

***

Khawusixelele: Zithini izimvo zakho ngelibali lingentla?