Zathi zingekapheli inyanga ezine zatshabalala zonke izinto zazithengwe ngemali kaJamile. Kwaqala kwadilika ihotele yakhe eMonti, zatsha zaphela ifama zakhe zonke, iimoto zalimala nganye nganye, ipomakazi latsha laphela ngumlilo ongaziwayo uba wawuvelaphi.
Wasala esenga ikati uDanile, kwanyanzeleka ayokuhlala etyotyombeni yedwa kulapho abona khona ukuba uyise wayengaphambani ebetwela. UPhumeza wemka nesoka lokuqala elambonisa imali, wayesehlala kwezo flethi zika nokutsho kwaye wayesele efake isicelo sokuhlukanisa umtshato ngoba wayethenjiswe umtshato lisoka lakhe elingaziwayo elitsha. Wenza wonke amalinge wokumbuyisa kodwa kwakucaca uba uleqa isisila sikajobela. Ngelinye lamalanga, uthe
ethunywe ngumlungu wakhe ayothenga isidlo sasemini, wadibana noPhumeza kulo venkile.
“Ndiyavuya ndidibene nawe Push,” watsho encumile.
“Ungakhe ulinge undijongise ngabantu mna!” waphendula watsho.
“Phumza ubone nini ukuba awusandithandi? Khona kutheni uzakundilaxaza nje?” kwakubonakala ukuba uxhelekile emphefumlweni.
“Danile uzakulithini usapho ungena mali? Sizakutya ntoni? Ndimhle gqitha uba ndingahlala kwela bobosi letyotyombe!” wahlekela phezulu.
“Ukhe wandithanda?” wabuza.
“Ngubani ongathanda indoda embi engenanqondo? Yakuphela igolide umgodi uyavalwa! Nika abanye abantwana abanemali ithuba!” “wamtyhalela kude.
“Sukuyenza lento kum, ndahlukana nobusoka ngenxa yoba ndithanda wena,” zazehlela iinyembezi, ethuthuzelwa ngabantu kulo venkile.
“Sulila uzakufumana omnye umntu okwinqanaba lakho,” watsho ephuma kulo venkile.
Wasebenza ngentliziyo ebuhlungu imini yonke, ezibuza eziphendula. Uthe akutshayisa uDanile wabheka kwaNozulu ixhwele elaziwayo. Wafika wayichaza yonke intlungu yakhe apho kodwa uNozulu wamcebisa ukuba athwale kwenzela abenemali kubuye noPhumeza.
“Andiqinisekanga mfo kaMjoli,” watsho uDanile.
“Zine indlela endithwalisa ngazo. Eyokuqala uthenga umlambo ngegazi, eyesibini uthwala ngabantu begazi lakho, okwesithathu unikezela ngeminyaka elishumi yokuphila okwesine utshintsha isini sakho. Ukuba ungumfana uthandana nabanye abafana injalo nasebafazini,” wacacisa ngelitshoyo.
“Mandihambe ndiyodla amathambo engqondo, ndizakubuyela kuwe,” wajongisa umbombo wakhe ngase mnyango.
“Thatha lonke ixesha olidingayo!”
***
Khawusixelele: Ucinga ntoni ngo Danile ofuna ukuthwala ngoku?