Tsi linqenerha umntwana kaMthile
Wofika ethe dimfi kwisofa, ntsho kumabona kude
I limothi eyenza isabhokhwe esinqashayo
Maxa wambi enyamfuza amagwinya ngalo mlomo unxwaku-nxwaku
Usenza lo ngxolo, yokunywakuza
Hayi bo nanko esosulela amafutha kulo mkhab’utshon’inkaba
Umane ekhaza, “Mama ijusi ndiyomiwa, khawuleza uyeza uMthile.”
Ukrelekrele phofu
Susa nje ubuvila
Solok’ephuma emagqabini kwizibalo, acikoze atsho ngolwimi lwenkobe emana esithi ko gxa bakhe
Ndaluncanca ebeleni ingqondo yona yeyemveli, “Myeke mfo no no kaMpehle ndizomthengela ugqaphu,”
Watsho uMthile
Minazana ithile