Ewe lento kakade yinton’ yalonto
Thina nto zaziyo asothukanga nto
Ibe ngumzamo wethu
Ewe ibilikamva lethu
Ndikhumbula umntana kamama
UNomathemba
Intombazana eyayithandeka
Ithi yakunyathela kugobe ingca
Nam ndizingca ngaye
Kowu uNomathemba wayethandeka
Ubuhle bakhe bungabaleki
Ibethi akunxiba limhlale ilaphu lomlungu inga lithungelwe kuye

Watshona eKapa uNomathemba ngenjongo zokufunda
Amthatha amaqhawe aseKapa amenz’owabo
Wayilibala ayiyeleyo
Ebengasakhweli izithuthi zikawonkewonke, ebelandwa ziimoto zodidi

Kowu uNomathemba waphela kujongiwe
kambe sebembiza ngokhukho labahambi
Yini uNomathemba ukusiphoxa sisambuka
Suka wabhena kanti uzithwele

Baphoxeka abazali
Yini Nomathemba ukusinika ithemba kanti uyasibhanxa
Namhla umzi kabawo uziintloni
Ubuhlanti ubuvule ngaphantsi

Oo cinga umzi kabawo