Ngumngxum’ obanz’ onzulu
Oginy’ amahlwempu nezityebi
Oginy’ abancikane nabadala
Oginy’ abathandwayo nabathiyiweyo
Zinyawo zintandath’ ukubhek’ ezantsi

Sisirhov’ esikhul’ esinomrhobholo
Esikhanuk’ umnt’ ukuze sityebe
Singaginy’ ababini nabane ngosuk’ asoneli
Singaginy’ ababin nabane ngosuk’ asidani
Umngxum’ engcwaba!

Aph’ akuyiwa libuyayo
Ongenile sobonana kwelizayo
Sonke soqakatha siwelele ngaphesheya
Wahlabel’ umhlabel’ ewujongel’ ezantsi
Wantyiloza kwasik’ inimba yagubh’ intliziyo
Wathi yonk’ indlel’ idlul’ engcwabeni

Akaphel’ umntw’engangenang’ engcwabeni
Angasinda kuzozonk’ ezomhlaba
De kuthiwe sis’lumkw’ incutshe yokuphepha
Kwangqingenye kuyayiwa
Akuqhweshi ntwala nampukane

Akukho chule nangcaphephe
Akhukho silumko nazazi
Kugunya kulawul’ umngxum’ engcwaba
Kwantsonga nyawan’ ezweni lakwabhadakazi