Liduduma lidlule kuthi kaloku senza nje kuba sikhululekile
Sisebenzisa inkululeko njengesixhobo sotshabalalisa ilizwe lethu sijike kwathina sithi izinto zabantu kaloku ungavisisani eluntwini sele iyimpilo noqhayisa yimpilo
Noba owam umakhulu nithi ligqwirha isifuba ndiyasingomba ndiyazidla ngemisebenzi ayenzileyo kuba kaloku owam umzali wayeliyuku engazinto ngobuzali wathatha isihlalo umakhulu nobukhulu bakhe bakhanyisa kowam umhlaba ndabona
Umama ingangumama kodwa isintu ngonciphisa igama umama asiphazami ngoba imisebenzi kamakhulu mikhulu
Ukusingatha segoba isinqa kaloku nenimba ayipheli
Apho akhoyo uyakukhwaza kaloku awulohlazo uligugu lanaphakade kuye…umama ejonge umendo ekulibele umakhulu uba ngumzali
Amava emvelo ayamakha umntu kaloku umakhulu unamava nguqamata uthi sowumonile uthi wothobeka kukhanye kuba nentliziyo yakhe ivulekile ayinampakamo kaloku intombi endala seyibulela iminyaka yempilo ivuyela izizukulwana nentsikelelo zekhaya kuqamata
Amagqiyazana ezwe afela empini sekutshonilanga emini ayakhanyisa ayaxolisa ayakhulisa ayomeleza!